ABafana Bafana baya emfazweni neGhana neSudan!

UPercy Tau, odlala eNgilane, uza kukhokela iqela lesizwe loMzantsi Afrika xa lidibana neGhana neSudana emidlalweni ehlakulela itumente ye-Afrika eza kubanjela eCameroon kunyaka ozayo.

Nangona uMzantsi Afrika ungakwazanga ukulungiselela kakuhle imidlalo emibini ebaluleke kakhulu kule veki – into engaguqukanga yinjongo yokuqinisekisa okokuba iqela lesizwe libuya noloyiso. Amalungiselelo eqela likaMolefi Ntseki axikixwe kakubi kukungafumaneki kwabadlali abankonywe ngamaqela adelelayo waseYurophu nakukonzakala kwabanye. ABafana Bafana balungiselela imfazwe njengokuba besamkela iGhana emdlalweni ohlakulela iAfrica Cup of Nations (Afcon) oza kube useFNB Stadium ngo-18:00 namhlanje.

UKapteni waBafana Bafana, uThulani Hlatshwayo noRonwen Williams, bayibeke yacaca into ethi uMzantsi Afrika uzimisele ukuya kwi-Afcon nangona abadlali abaphambili bethintelwe ngamaqela abawadlalelayo akhala ngomngcipheko wokosulelwa yiKhorona nexesha abaza kulichitha bengadlali xa bebuyela kuwo.

“Siphoxekile singabadlali ngoba amanye amajoni wethu akakwazanga ukubuya ngenxa yengxaki ezibangelwe yiKhorona. Umsebenzi wethu ngeke ubelula – kodwa siza kulwela nabo,” utshilo uWilliams, ekuqaleni kweveki ethetha neentatheli. “Ixesha lokulungiselela imidlalo yethu lifutshane. Nangona kunjalo, abaqeqeshi bethu basenzela lula umsebenzi ngokusithumelela iinkcukacha ngamaqela esiza kudlala nawo kwangethuba. Siyawazi amaghinga esiza kuwasebenzisa xa siqubisene neGhana neSudan ngokulandelelana,” utshilo uWilliams.

Waleke umsundulo uHlatshwayo ngelithi ngokwenene abadlali abangekhoyo ziintsika zeqela lesizwe ebeziza kuncedisa. “Abadlali abangekhoyo babaluleke gqithi ngoba ziintsika zeqela nangona kungekho bani onendawo yakhe eqinisekisiweyo. Banawo amandla okwenza umsebenzi abadlali abakhoyo. Kunyanzelekile siphumelele ukuze isizwe sethu sonwabe,” utshilo uHlatshwayo. UMzantsi Afrika ihleli kwindawo yesibini emva kweGhana eyawubetha ngo’2-0 emdlalweni wokuqala. Onke amazwe ashiyekelwe yimidlalo emibini. Amaqela aza kuthathwa kuGroup C mabini.

UNtseki uyibethelele into yokuba iqela lakhe lisebenzela ukuya eCameroon kunyaka ozayo. “Sifuna iziphumo ezihle kuyo yomibini imidlalo. Kufuneka sizibekele indawo kwi-Afcon ezayo. Wonke umntu uyayazi lo nto,” utshilo umqeqeshi weBafana Bafana, abaza kudlala neSudan ngeCawe.