Ayikokokuqala exhaywa ngenxa yokunxiba isiNdebele sakowabo

ITSHANTLIZIYO lenkcubeko, uThando Mahlangu, wakhe waxhaywa ethintelwa ngamagosa aseGautrain esithi akanakukhwela uloliwe enxibe iimpahla zesiNdebele ngo2018.

Eso sehlo sabangela isankxwe apho kwankqu noMphathiswa wobuGcisa neNkcubeko uNathi Mthethwa wayalela iGautrain ukuba ixolise kuMahlangu. Yaxolisa iGautrain ngesa sehlo. Emva kwesa sehlo, uMahlangu wadibana namagqwetha wakhe efuna ukudla iGautrain iR1.5 million. Akucaci okwangoku kwelokuba lo mdliwo usaqhuba kusini na enkundleni.

Ukanti ngoLwesithathu uMahlangu uxhaywe ngumanejala waseThe Boulders Shopping Centre eMidrand, ochazwe njengoJose Maponyane, esithi uMahlangu akamkelekanga ngenxa yesa sinxibo sakhe sesiNdebele.

“Inyaniso elunxunguphalo eAfrika. Ndigagene noku ngaphakathi kwivenkile yakwaClicks eThe Boulders Shopping Centre, [ngenxa] kamanejala wesiza (udederhu lweevenkile) othe sisiza seevenkile sakhe esiya. Ndixelelwe ukuba ndinxibe ngendlela egwenxa kusithiwa mandikhwelele,” utshilo uMahlangu kuTwitter wakhe.

AbakwaClicks bathe baza kufaka isikhalazo ngokusesikweni ngakumanejala waseThe Boulders. “Umanejala wevenkile yethu uye wangenelela ze wacela umanejala weli ziko (The Boulders) ukuba akhwelele (uClicks). Umthengi (Mahlangu) uye wayekwa ukuba aqhube ngokuthenga,” utshilo uClicks kwimbalelwano.

AbakwaThe Boulders Shopping Centre bakhuphe imbalelwano izolo bexolisa ngalo mba, besithi olu dederhu lweevenkile aluthinteli bathengi ngenxa yembonakalo okanye iimpahla zabo. “Lo mntu kuthethwa ngaye ebecelwe ukuba ukuba aphume evenkileni kuba impahla yakhe yangaphantsi (underwear) ibivele ngendlela engafanelekanga,” litsho eli ziko lodederhu lweevenkile.