AmaJamani aphumelele iFifa Confederations Cup okokuqala

IGermany ziintshatsheli ze-2017 Fifa Confederations Cup emva kokubetha iChile kumdlalo obuseSaint Petersburg Stadium namhlanje ebusuku. Umfanekiso: FIFA

Ilizwe laseGermany liphinde labhala iincwadi zembali yebhola ngokutsha namhlanje emva kokuphumelela indebe ye-2017 Fifa Confederations Cup okokuqala. Amajamani abethe iChile yasemazantsi eMelika ebigoloza kakhulu ngo’1-0 kumdlalo obungelulanga macala eSaint Petersburg Stadium kobu busuku. Igowuli lempumelelo nekuphela kwalo kulo mdlalo, lifakwe nguLars Stindl kwangoko kwisiqingatha sokuqala.

Nangona ikhe phantsi isitya sigcwele kulo mdlalo iChile – kodwa ibethwe izamile. Iinzame zayo zibonakele kwase kuqaleni kwale tumente.  Isiququ se-Arsenal, u-Alexis Sanchez, uzame wancama no-Andre Ter Stegen namhlanje ngenxa kanozinti u-Arturo Vidal – obengafuni kwanto ezipalini zakhe. Ize kule tumente iChile izintshatsheli zaseSouth America kwaye ifike yadlala okweentshatsheli zokwenene. Kwimidlalo yayo iChile ibethe amazwe afana neCameroon ngo’2-0, yabambana neGermany le idlale nayo kwakhona namhlanje. Kanti yona iGermany idlule kwiNew Zealand nakwiCameroon.

FIFA Confederations Cup's photo.

Amajamani ziintshatsheli ze-2014 Fifa World Cup eyayisingathwe yiBrazil, ukuqhuba kwawo kakuhle kwimidlalo enje ngale kuqinisa indawo yawo kwibhola yehlabathi. Kanti kwangaxeshanye, umqeqeshi weGermany usebenzise le midlalo njengethuba elihle lokunika abadlali abaninzi abaselula (ngokweminyaka) amava kwinqanaba eliphezulu kwihlabathi. Nangona iChile ingakwazanga ukufumana impumelelo ebiyilangazelela nebiyisebenzela – kodwa indlela edlale ngayo kwiConfederations Cup yalo nyaka yiyo eya kubaxolisa abaqeqeshi bayo kwaye ibikwalithuba elihle lokulungiselela indebe yehlabathi ekunyaka ozayo eRussia.

FIFA Confederations Cup's photo.

Nangona iRussia ingakwazanga ukufikelela kwimidlalo yokugqibela yeConfederations Cup elizweni layo – kodwa izamile ukwenza oko ibinako ukukwenza. Kwicala lamalungiselelo endebe yehlabathi, kukhangeleka ngathi phantse zonke izinto sezicalanye nanjengoko le tumente iyindlela yokuvavanya amandla namalungiselelo welizwe elisingatha indebe yehlabathi.