Amaxwebhu ophando atshe ngumlilo eBhisho

Izakhiwo zendlu yowiso-mthetho eBhisho Umfanekiso: Siyanda Jantjies

INkulumbuso yaseMpuma Koloni,  uPhumulo Masualle,  uthi ukutsha kwamaxwebhu aqulathe uphando lwezinto ezigwenxa ephondweni, kuza kubanefuthe kwindlela urhulumente wephondo ekufanele ase ngayo iingxelo eluntwini.  


La maxwebhu atshe emva kwemini ngoLwesihlanu, kulandela umlilo otshise imigangatho emithathu ye-ofisi yeNkulumbuso. Umnqa kukuba esitsha nje iikhamera ezigadayo (CCTV) bezikhona. Umsebenzi wale ofisi uthi ayikhange ikhale i-alamu njengokuba kuqhele ukwenzeka kwizehlo ezikumila kunje.


Ngethuba I’solezwe lifika kwezi-ofisi ngoMvulo, abasebenzi bebengxange ngaphandle nanjengoko amapolisa, ngokukhokelwa nguMkomishinala wephondo uLieutenant General Liziwe Ntshinga, bebengaphakathi noMasualle behlola undonakele.


UMasualle, ekunyanzeleke ukuba ashiye phakathi inkomfa yemigaqo-nkqubo yeANC eRhawutini, uthi umonakalo owenzeke ngenxa yalo mlilo uzakuqhwalelisa uphando obeluqhutywa kwizehlo ezigwenxa neziquka inkcitho engafanelekanga yemali yabarhafi.  


“Ii-ofisi zethu zitshile, amaxwebhu nawo atshile, kodwa akhona esikwazileyo ukuwafumana ngenxa yokugcinwa kwikhompyutha. Amapolisa ayaphanda, siza kulinda kuwo,” utshilo uMasualle.


“Sixhalabile ngokulahleka kolwazi olukula maxwebhu, kuba luza kubanefuthe kwindlela esifanele sizibhence ngayo eluntwini. Asikhange sive ngxelo ethi ezi-ofisi bezikwimeko engalunganga.


“Mhlawumbi kutshe ngenxa yengozi okanye kwenzeke ngabom, sakulinda emapoliseni. Ngokokwazi kwam iiCCTV Camera zethu ziyasebenza, sakulinda kumapolisa xa sele egqibe nophando,” utshilo uMasualle.


UNtshinga uqikelele ukuba iyakuthi iphela le veki babe sele benomkhombandlela woyena nobangela wokutsha kwezi-ofisi. “Iingcali zethu eziphanda ngemililo zisebenza nzima ukuphanda isizekabani salo mlilo. Ngoku bendingena apha [neNkulumbuso] ndigangwe ngamaxwebhu athe sa, atshileyo,” utshilo uNtshinga. 


Ukanti abasebenzi beenkonzo zikaxakeka kule ofisi yeNkulumbuso basaxhwarhiswe kwamanye amasebe karhulumente, logama abanye kusathiwe mabakhe balinde de babuye baziswe ngokulungela kwale ofisi ukuba kungenwe kuyo.