ITanzania izibethele uMzantsi Afrika kwiCosafa Cup

Yahaya Ramadan of Tanzania challenged Sakhile Maela of South Africa during 2017 Cosafa Castle Cup match between South Africa and Tanzania at Royal Bafokeng Stadium in Rustenburg on 02 July 2017 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

UMzantsi Afrika ubethwe yiTanzania ngo’1-0 kumdlalo weCosafa Cup ngolu rhatya eRoyal Bafokeng Stadium.  Nangona iBafana Bafana ibiqala ukudlala namhlanje kule tumente – kodwa awukwazanga ukudlulela kumjikelo olandelayo wolu khuphiswano lwamazwe asemazantsi ezwekazi le-Afrika.

NguMzantsi Afrika oqale kakuhle ngokulawula umdlalo kwaye ifolosi yeli lizwe, uLiam Jordan, iphantse yabuya negowuli kumzuzu wesixhenxe. Khange iphozise maseko iTanzania emva kokuba aBafana Bafana bengakwazanga ubhalisa ebhodini. Kumzuzu weshumi elinesibhozo, u-Elias Maguri ulibeke emnatheni igowuli leTanzania.

Isiqingatha sokuqala siphelele kungekho tshintsho ebhodini nakubeni uLehlogonolo Maselesa ebesilawula isisu noJamie Webber ngamaxesha athile. AmaTanzaniya khange avume kwisigaba sesibini somdlalo kwade kwasekugqibeleni. Amathuba ewafumeneyo iBafana Bafana ayikwazanga ukuwasebenzisa kwakhona kulo mdlalo kwade kwade kwase kugqibeleni. Iinguqu ezenziwe nguStuart Baxter – obenethemba lokukhusela le ndebe kulo nyaka – azenzanga mahluko konke konke kulo mdlalo. Ngoku yiTanzania edlulela kumjikelo ophambi kwamagqibela kankqoyi weCosafa emva kokuqhuba kakuhle namhlanje nakwimidlalo yayo edlulileyo.

Bafana Bafana: Pule, Mukumela, Maela, Gordinho, Booysen, Masalesa (Kapteni), Alexander, Norodien (Maboe 77′), Webber, Jordan (Mokate 60′), Moseamedi.

Tanzania: Manula, Kamagi, Nyoni, Mbonde, Mao, Maguri, Ulimwengu, Loth, Ramadhani, Said, Kapombe.