Amakhosi anyathele phezu kwayo iBaroka FC kumdlalo obumhle eNelson Mandela Bay Stadium

Daniel Cardoso of Kaizer Chiefs with G. Motupa during the 2018 Nedbank Cup quarterfinal game between Kaizer Chiefs and Baroka FC at Nelson Mandela Bay Stadium in Port Elizabeth on 31 March 2018 © Deryck Foster/BackpagePix

Port Elizabeth   –   Amakhosi adlulela kumjikelo olandelayo
weNedbank Cup emva kokuba ebethe iBaroka FC ngo’1-0 ebizimisele kakhulu
emdlalweni obubanjelwe eNelson Mandela Bay Stadium. Iqela elivakalayo labandeli
bebhola lizincame kuloo moyezulu ebiqhaqhazelisa amazinyo bayokubukela umdlalo
obumhle kakhulu. Amakhosi ayibetha ityeli lesibini iBaroka imidlalo
elandelelana – kodwa eyona nto ixolisa iSteve Komphela nabadlali bakhe kukuba
ithemba lokuphumelela le ndebe liya liba likhulu ngokuhamba kwexesha. UHendrick
Ekstein odlale kakuhle kakhulu emdlalweni oye wachongwa njengoyena mdlali othe
wabalasela emdlalweni. Ngu-Eric Mathoho okhulule Amakhosi nothe wafaka igowuli
ekuphela kwalo emdlalweni. Amakhosi anyathele phezu kwayo iBaroka kowona mdlalo
aze kuwo kunyanzelekile ukuba makaphumelele.

Amakhosi
aye kwixesha lokuphumla enkqenkqeza phambili ngegowuli elinye. Umdlalo uqale
ngesantya esiphezulu kakhulu kucaca ukuba iBaroka FC ifuna into ebilapha. Abadlali
beqela laseLimpopo bahlasele macala onke, kangangokuba bekumeluba bafumene
amagowuli nokuba mabini kwimizuzu elishumi elinesihlanu yomdlalo. URobin Ngalane
noKgoetyane ngabona badlali abebeyiphethe mantsantsa iChiefs emva – kodwa uCardoso
noMathoho bakwazile ukunqanda amanzi engena endlini. Kuthe xa kusondela ixesha
lokuya ekhefini kwabonakala iChiefs ifumana amandla okuya phambili. Unozinti
weBaroka, u-Ayanda Dlamini, uvale ibhola kaRyan Moon phakathi ebhokisini –
kodwa iChiefs ikwazile ukubhalisa ebhodini emva kokuba u-Eric Mathoho efake
igowuli elihle ngentloko. UZulu noTshabala bebesebenzisana kakuhle kakhulu
no-Ekstein noMphahlele obenyuka esehla kwiphiko lasekunene.

Emva kokuba
uMoon eqabelise ipenela phambi kokuya kwixesha lokuphumla – amakhwenkwe kaSteve
Komphela athathe apho ebeyeke khona kwesokuqala isiqingatha. UTshabalala noLeonardo
Castro baqhubelele phambili nokuhlasela iBaroka – kodwa abadlali bayo basemva
benze umsebenzi oncomekayo kakhulu kwaye bekubonakala ukuba baye emdlalweni
beyifundile indlela iChiefs edlala ngayo. Amakhosi asinde cebeshu ngethuba
ibhola yeBaroka ibetha epalini kumzuzu wamashumi amathandathu. Amakhosi
aqhubele phambili nokufaka uxinizelelo kwisigaba sesibini salo mdlalo – kodwa abadlali
beBaroka baye bavala mba emva. IChiefs idlulela kumjikela ophambi kowokugqibela
emva kwempumelelo eyifumene nzima kakhulu eNelson Mandela Bay Stadium.

 

Chiefs: Khune, Cardoso,
Mphahlele, Hadebe, Mathoho, Zulu, Katsande, Ekstein, Tshabalala, Castro, Moon.

Amalalela: Khuzwayo, Parker,
Maluleka, Páez, Molangoane, Jayiya, Zuma.

Baroka FC: Dlamini, Motupa, Mothupa,
Mohwaletseng, Sidumo, Chawaphihwa, Banda, Kgoetyane, Ngalande, Mdantsane, Madubanya.

Amalalela: Vries, Sodi, Soso,
Mapheto, Mosele, Mabotja, Matloga.