Ngcukayitobi: Makuphendulwe ngokubhubha kukaFana

UNobhala weANC eMpuma Koloni uLulama Ngcukayitobi ethetha kwisingcwabo sikaThembekile Fana

UNOBHALA weANC eMpuma Koloni uLulama Ngcukayitobi ugxeke abathunywa balo mbutho kumasipala iAmahlathi kulandela into ayichaza njengokusilela kwabo ekusabeleni kwangethuba izikhalazo zabahlali bakuQoboqobo.

UNgcukayitobi ebethetha nephephandaba I’solezwe lesiXhosa kwilali iLower Gxulu kuQoboqobo ngoLwesithathu ngethuba bekubanjwe umngcwabo kaThembekile Fana, obhubhe emva kokudutyulwa ngamapolisa ngoMvulo weveki ephelileyo, ngethuba yena negquba labahlali bakuQoboqobo bebelungiselela ukubamba uqhankqalazo olusemthethweni lokukhalazela iinkonzo ingakumbi umbandela wezendlela.

“Siyibizile intlanganiso noosodolophu, owesithili (Amathole) nowasekuhlaleni (Amahlathi) kuquka noomanejala baba masipala. Iinjongo kukuza nesisombululo kwizikhalazo zabahlali balapha kuQoboqobo,” utshilo uNgcukayitobi.

UNgcukayitobi uthe: “Xa kufe umntu, kufuneka kubekho umntu ophendulayo, ngoko ke iza kwenzeka lo nto. Into esiyigxekayo kwiinkokeli zethu apha kukuba azikhange ziphulaphule ngethuba abantu bakuQoboqobo bekhalaza.”

“Maxa wambi, bathi abantu beqhankqalaza kube kungekho nomntu lo wokuza kuthatha izikhalazo. Yiyo le nto olu xanduva siluthathele kuthi,” utshilo uNgcukayitobi, esithi uMphathiswa weNtsebenziswano kuRhulumente uFikile Xasa uza kubuyela kuQoboqobo, ukubhengeza isisombululo kwizikhalazo zabahlali. 

 

Abahlali bakuQoboqobo bathi baqale ngonyaka ka2013 ukukhalazela iinkonzo ezingafumanekiyo okanye ezo zisemgangathweni.