Isigwebo kowabulala umfazi kumzi wentselo

YINDODA enamashumi amabini anesixhenxe ubudala egwetywe iminyaka  elishumi elinesihlanu entolongweni emva kokufunyanwa inetyala lokubulala umfazi yinkundla yengingqi yaseGcuwa.


USiphe Hleziphondo (27) wahlaba wabulala umfazi wakhe uQondiswa Siwundla (35) emva kwengxabano eyayiphenjelelwe sisikhwele kumzi wentselo eNqabara eDutywa kweyoMsintsi kunyaka ophelileyo.


Ingxelo ephuma kwisithethi samapolisa uKapteni Jackson Manatha ithi, umfazi kaHleziphondo waye wabanesikhwele ebona indoda yakhe incokola nenye intokazi ngethuba besela kwesi sikroxo saseNqabara.


“Ixhoba laphakama liyokuqonda ukuba ingantoni le ncoko phakathi kukaHleziphondo namanye amabhinqa, kanti uzibizela ukuhlatywa ngummangalelwa. Wahlatywa kumzimba wonke ngemela ngumyeni wabhubha kwangoko,” utshilo uManatha.


UManatha udize ukuba omnye wasetyhini owayezama ukunqanda wahlatywa naye nguHleziphondo kodwa wakwazi ukubaleka.