Amakhosi aphantsi koxinizelelo kwiNedbank

UClinton Larsen ongumqeqeshi weGolden kunye noSteve Komphela weKaizer Chiefs

Kukho inkxalabo kuSteve Komphela emva kokuba iKaizer Chiefs ingakwazanga ukuyiphumelela imidlalo yayo yePSL kutshanje.

Ukungaphumeleli kweChiefs kuvule umsantsa wamanqaku asibhozo phakathi kwayo neMamelodi Sundowns ehleli phezulu kwiPSL.

Lo nto ithetha ukuthi amathuba weqela likaKomphela okuphakamisa eyona ndebe ibalulekileyo nefunwa kakhulu ngabalandeli aya encipha ngokuncipha.

Njengokuba isizini isondela esiphelweni, kukho uxinizelelo kwiChiefs emva kweminyaka emibini ingacholi naphantsi.

Ukuze iChiefs ixolise abalandeli bayo kufuneka iphumelele iNedbank Cup – kodwa kufuneka ibethe iGolden Arrows egolozayo kumdlalo ozakube useFNB Stadium ngo’15:30 ngeCawe.

Ekuqaleni kwalo nyaka, uKomphela wabetha ngenqindi phantsi ngelithi uzakusibuyisa isidima saMakhosi ngokuphumelela iKe Yona Cup.

“Sithelekiswe neqela elinzima – kodwa kunyanzelekile sidlule kulo ukuze siphumelele. Siyayamkela indela esithelekiswe ngayo. Into esiyijongileyo ngoku kukulwela ukuphumelela indebe,” watsho uKomphela emva kokuthelekiswa kwamaqela.

Enye yezinto eyenza umsebenzi kaKomphela ubenzima kukuba usakhangela indebe yakhe yokuqala njengomqeqeshi kwinqanaba eliphezulu nakwiChiefs enesithethe sokuthatha iindebe.

Amaqela angamashumi amathathu anesibini azakube ebeke iliso lawo kwimali ezizigidi ezisixhenxe (R7-million) ekhapha indebe efunyanwa liqela eliphumeleleyo.

Ngokungafaniyo noKomphela, yena uClinton Larsen akanyanzelekanga ukuba abuye nendebe kwi-Arrows – kodwa xa ithuba livela, unokufuna ukuqhuba kakuhle kolu khuphiswano njenga kunyaka ophelileyo.

ULarsen uxelele iintatheli ekuqaleni kwale veki ukuba uxinizelelo lukwiChiefs.

Eli ingalithuba laBafana Bes’thende lokufunqula ukuzithemba kwabo ngokubetha iChiefs emva kokubethwa ngaMaZulu ngo’2-1 kwiveki ephelileyo.

“Ukudlala ntanganye kwethu neChiefs kumdlalo wePSL kwabonisa ukuba singabuya neziphumo ezincumisayo xa sidlala nayo. Bayazi ukuba umdlalo uzakuba nzima. Akukho xinizelelo kangako kuthi, uxinizelelo lukwiChiefs. Ndicinga ukuba bazawuzama konke okusemandleni ukuze baphumelele le ndebe xa bebona indawo ekuyo iMamelodi Sundowns,” utshilo uLarsen.

Imidlalo yeNedbank

NgoLwesihlanu: Cape Town All Stars vs Mamelodi Sundowns @Athlone Stadium, 20:00

NgoMgqibelo: Swallows FC vs Maritzburg United @Dobsonville Stadium, 15:30; Steenberg United vs Orbit College @Parow Park, 15:30; Phiva Young Stars vs Chippa United @Kabokweni Stadium, 15:30; Orlando Pirates vs Ajax Cape Town @Orlando Stadium, 20:15; Super Eagles vs Free State Stars @Goble Park, 20:15

NgeCawe: Kaizer Chiefs vs Golden Arrows @FNB Stadium, 15:30; Mariveni United vs EC Bees @Old Peter Mokaba Stadium, 15:30; Bloemfontein Celtic vs SuperSport United @Dr Molemela Stadium, 15:30; Happy Wanderers vs Royal Eagles @Sugar Ray Xulu Stadium, 15:30