Amaqela afuna ukuzixhwithela kwi Wits

UThulani Hlatshwayo ongumdlali obalaseleyo we Bidvest Wits ekukho amarhe okuba ingahle ithengiselwe abanini abatsha kwisizini esijonge kuyo. ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Lifikile ixesha lokuthengwa nokuthengiswa kwabadlali ebholeni yaseMzantsi Afrika.

Nangani imidlalo isamisiwe ngenxa yekhorona eyosulela ngomoya – kodwa amaqela aza kulungiselela isizini ezayo ukusukela kule nyaka. Phakathi kwamadoda ekulindeleke afunwe ngapha nangapha nguPeter Shalulile odlalela iHighlands Park.

UShalulile uphakathi kwabadlali abafake amanqaku amaninzi kule sizini emva kokufaka alishumi elinesibini emidlalweni ye-Absa Premiership – kodwa into eza kubangela amaqela acwezele kude ngamashumi amathathu ezigidi zerandi (R30m) athengiswa ngayo liqela lakhe.

Uyifanele lo mali? Hayi, akekho umdlali owakhe wathengwa ngemali engako apha.

Kunokwenzeka ahlale kwiHighlands Park ukuba akathengiseki nangona efuna ukuhamba. Elinye iqela ekulindeleke limkelwe ngabadlali ababalulekileyo yiCape Town City.

URonaldo Putsche untingela eYurophu emva kokukhululwa yiCity enze indima ebonakalayo kuyo eminyakeni ayichithe kwiCity.

UThabo Nodada, 25, ngoyena mdlali oza kushiya isikhewu esikhulu kwiCape Town City. Nangona kungekabikho qela elize ngaphambili, uJohn Comitis uthe ngoyena mdlali ongatsala umdla wamaqela aseYurophu.

Akukho zinzo kwelinye lamaqela amadala ebholeni yaseMzantsi Afrika, iBidvest Wits. Oku kuza emva kwamahum-hum athe iWits ithengiselwa uMnu. Masala Mulaudzi obengumnikazi weTshakhuma Tsha laseLimpopo edlala kwiGladAfrica Championship.

Iingxelo zithi uMulaudzi sele eyibhatele imali ezizigidi ezingamashumi amabini erandi (R20-m). Ikhanyelwe lo nto yiWits – kodwa okukrokrisayo kukuba iBidvest iphakathi kweenkampani ezifuna ukuba ngumxhasi wePSL. Kuvakala iindaba ezithi abadlali abazimiselanga ukuya eLimpopo xa lithengiswa iqela.

Abadlali abafana noThulani Hlatshwayo, uDeon Hotto noGift Motupi ngabadlali ekuthiwa bafunwa yiMamelodi Sundowns. Kunokwenzeka iChiefs uzame ukurhwebeshela kuyo uThabang Monare nangona isagwetyiwe nguFifa.

UBuhle Mkhwanazi noS’fiso Hlanti ngabanye babadlali abaza kuthathwa ngamaqela amakhulu.