AmaRashiya axangxathe iSaudi Arabia, eLuzhniki Stadium

Artem Dzyuba of Russia celebrates after scoring the 3-0 goal during the FIFA World Cup 2018 group A preliminary round soccer match between Russia and Saudi Arabia in Moscow, Russia, 14 June 2018. BackpagePix

Inye
indlela yokuchaza umdlalo wokuqala wendebe yehlabathi obuphakathi kweRussia
neSaudi Arabia: ubungcwaaaa!!! Umdlalo ubusemgangathweni
ophezulu kwaye naMarashiya awubhakuzelisile umnatha izihlandlo eziliqela. ISaudi
Arabia iphume ibokoboko macala ebaleni yinduku emva konogumbe wamagowuli
amahlanu afakwe (5-0) yiRussia kumdlalo we-2018 FIFA World Cup obubanjelwe
eLuzhniki Stadium ngorhatya lwanamhlanje. Imvula yamagowuli emdlalweni wokuqala
ithetha ukuthi AmaRhashiya azimisele ukuwisa kwanto ephambi kwawo ukuze
aqinisekise ukuba azibekela indawo kumjikelo olandelayo. Kanti kwelinye icala
ukubethwa kweSaudi Arabia kubonise ukuba
umgangatho webhola yayo usephantsi futhi kucime nalo ntlantsi yethemba lokuya
phambili.

Image may contain: 3 people, people playing sports and outdoor

Umfanekiso: FIFA World Cup Facebook.

Idemesha
iqale kumzuzu weshumi elinesibini ngethuba uYuri Gazinsky ebeka ibhola entle
emnatheni ngentloko emva kokufumana ibhola egotywe ngobuchule kwicala
lasekhohlo. Amarashiya awuthathele kuwo umdlalo kwaye ibikwangawo adale
amathuba kwisigaba sokuqala somdlalo. Abadlali beSaudi Arabia
bayakwazi ukudlala ibhola – kodwa into abangakwazanga ukuyenza kukugqobhoza
kwiRussia ebedlalela phambi kwamashumi asibhozo amawaka abalandeli bebhola
eLuzhniki Stadium. UDenis Cheryshev ubeke iRussia endaweni entle kakhulu ngethuba
efaka emnatheni igowuli lesibini phambi kwexesha lokuphumla.

Emva kwekhefu
iSaudi Arabia ikwazile ukudlala umdlalo odibeneyo.
Ingxaki ebinayo kodwa kungakwazi ukudlala ibhola eya phambili. Bambini kuphela amathuba
acacileyo ewafumeneyo emdlalweni, nawo athe gqi kwisigaba sesibini somdlalo. Lo
nto ithetha ukuthi bebedibene nelizwe ebelizilungiselele ngokupheleleyo. Ngoku iRassia
iza kuya kumdlalo wesibini edibana kuwo neYiphutha (Egypt) kwiveki ezayo inamandla futhi
ifuna isiqinisekiso sendawo kumjikelo olandelayo. Kubonakala ngathi iSaudi Arabia ukhona umdlalo enokuwuphumelela emva kokuxangxathwa
yiRussia namhlanje.

No automatic alt text available.

Russia: Igor Akinfeev, Mario Fernandes, Iya Kutepov,
Sergey Ignashevich, Lury Gazinsky, Alan Dzagoev, Fedor Smolov, Roman Zobnin,
Aleksandr Golovin, Yury Zhirkov, Alexander Samedov

Saud Arabia: Abdullah Almuaiouf, Osama Hawsawi, Omar
Hawsawi, Mohammed Alburayk, Saliman Alfaraj, Yahia Alshehri, Mohammed
Alsahlawi, Yasser Alshahrani, Abdullah Otayf, Taiseer Aljassam, Salem
Aldawsari.