Amathol’ amnyama azimisele ukumgcina uDyaloyi!

Iqela laseMpuma Koloni elidlala kwiFirst National Division, uMthatha Bucks, lizimisele ukumgcina umnumzana uVelile Dyaloyi engumqeqeshi walo kwisizini ezayo.

Isivumelwano sengqesho phakathi kukaDyaloyi noMthatha Bucks sifikelela esiphelweni xa kuphela le nyanga yeSilimela.

Lo mqeqeshi wasindisa iiBucks ezembeni kwisizini ka’2015/16 emva kokusokola phantse unyaka wonke. Ziindawana nje ngoku la maqela mabini angekavumelani ngazo.

“Siphakathi kwiingxoxo ngokolula isivumelwano sakhe umqeqeshi, kodwa ke kusekho iindawo esingekavumelani ngazo. Sinethemba lokuba iyakuthi iphela iveki ezayo sibe siwuqoshelisile lo mcimbi,” utshilo uLunga Tukute.

Njengokuba uMthatha Bucks uye wasokola kwisizini yawo yokuqala, kule izayo uzimisele ukwenza bhetele. Ngoku eli qela likwiphulo lokukhangela abadlali abatsha abazakuthi balincede njengokuba lifuna ukubethelela indawo yalo kwaNFD.

“Siyathetha nabadlali bethu abaphelelwa zizivumelwano zomsebenzi, kanti abanye sebetshilo ukuthi bacela ukukhangela kwezinye iindawo. Akuphelelanga apho ngoba bakhona abadlali esithetha nabo abatsha. Abo badlali singababhengeza kwezi veki zizayo,” utshilo uTukute.

Emva kokuba lasinda ezembeni eli qela, umqeqeshi walo uDyaloyi waxelela eli phephandaba ukuba angalithatha alise kwi-Absa Premier Soccer League ukuba unikwa nje iminyaka emithathu.

IiBucks zivale isizini kwindawo yeshumi elinesibini, ngaphandle kwamathandabuzo kwezayo isizini zakuthi zilwele ukunyukela kumgangatho ongasentla.

Abantu abaninzi bakuvuyele ukubuya kweBucks ngoba kubanika ithuba lokubukela ibhola kwakhona emva kokuphasalaka koMthatha Bush Bucks.