AmaTuks akhuphe iMoroka Swallows kwiNedbank Cup

UThabang Sibanyoni weUniversity of Pretoria ebhiyozela igowuli alifake kumdlalo weNedbank Cup bedlala neMoroka Swallows. UMFANEKISO: © Sydney Mahlangu/BackpagePix

IUniversity of Pretoria ibe liqela lokuqala elidlulele kwimidlalo ephambi kwamagqibela kankqoyi yeNedbank Cup ka’2023/24 emva kokubetha iMoroka Swallows ngo’2-1 eTuks Stadium eTshwane ngorhatya lwangoLwesithathu.

AmaTuks, adlala kwiMotsepe Foundation Championship, azakuba yinxalenye yamaqela asibhozo okugqibela aza kube esilwela indebe emva kwamagowuli afakwe nguTebogo Mohlamonyane noThabang Sibanyoni.

Omabini la maqela ebefumene amathuba kwisiqingatha sokuqala, ebenkqonkqoza kodwa akukho qela lifake igowuli.

AmaTuks ebebonakala njengelona qela lingcono kwisiqingatha sesibini, afake uxinizelelo kwiSwallows engenise abadlali abahlaselayo ukuze bafumane igowuli.

Ukusebenza nzima kweAmaTuks kube neziqhamo njengoko bebeke igowuli emnatheni ngomzuzu wamashumi amahlanu anesixhenxe lifakwa nguMohlamonyane.

ISwallows ikwazile ukubuya ngethuba ifaka igowuli lokulinganisa ngomzuzu wamashumi asixhenxe anethoba elifakwe ngumdlali omncinci uMbanjwa oneminyaka elishumi elinesixhenxe kuphela.

Umdlalo ubukhangeleka ngathi uyakuphela badlale eminye imizuzu engamashumi amathathu eyongeziweyo, kodwa ngemizuzu embalwa eyongeziweyo uSibanyoni ufake igowuli eliqinisekise ukuba AmaTuks ayaphumelela.

Amaqela aza kudlala imidlalo yawo yeligi ekupheleni kweyoKwindla nasekuqaleni kuTshazimpuzi – iSwallows iza kudlala eKapa neCape Town Spurs ngomhla wama31 kweyoKwindla, ngelixa iTuks iza kuqubisana neMilford FC ekhaya ngomhla we2 kuTshazimpuzi kwiMotsepe Foundation Championship.

Eminye imidlalo yeNedbank Cup kule veki:

NgoLwesine: Sekhukhune United vs AmaZulu FC.

NgoLwesihlanu: Milford FC vs Stellenbosch FC.

NgoMgqibelo: Chippa United vs Ravens, Richards Bay vs SuperSport United, neOrlando Pirates vs Hungry Lions.

NgeCawe: D’General vs TS Galaxy neMamelodi Sundowns vs Maritzburg United.