Ubethwe ngumama nomninawa ngenxa yokungalirhoxisi ityala ngakumdlwenguli

Umama nonyana wakhe babanjwe kumatyotyombe aseMooiplaas eTshwane ngezityholo zokubetha intombi yakhe. UMFANEKISO: Bongani Mbatha/Independent Media

Umama oneminyaka engamashumi amahlanu anesine (54) ubudala kunye nonyana wakhe oneminyaka engamashumi amabini ananye (21) ubudala bavele phambi kwenkundla kamantyi yaseAtteridgeville eTshwane, bejongene netyala lokubetha ngenjongo yokwenzakalisa.

Umama nonyana wakhe batyholwa ngokubetha intombi yakhe (36), beyityhola “ngokungabi nantliziyo, ukuzicingela nokuba sisidenge” ngokungalirhoxisi ityala elijongene nesithandwa sakhe esadlwengula.

Isithandwa senkosikazi eneminyaka engamashumi amathathu anesithandathu (36) ubudala kutshanje sigwetywe izihlandlo ezimbini zobomi yiNkundla ePhakamileyo yasePitoli ngokudlwengula usana lwabo oluneenyanga ezilishumi elinanye (11 months) luzelwe.

“Kutyholwa ukuba ngomhla wesibhozo kweyoKwindla ngo2023, le nkosikazi eneminyaka engamashumi amathathu anesithandathu (36) ubudala, yandwendwela udade wabo kumatyotyombe aseMooiplaas ukuya kumxelela ngeziphumo zetyala,” utshilo uLumka Mahanjana, isithethi seGunyabantu lezoTshutshiso (NPA) eRhawutini.

“Emva koko kuthiwa intombi elixhoba kweli tyala yaya kuthenga iitshiphusi zeSimba kwivenkile yasekuhlaleni. Ekubuyeni kwakhe, kuthiwa wafika umama wakhe ehleli esitulweni ngaphandle nje kwetyotyombe likadade wabo.”

Lo mama emva koko wayihlasela ngemibuzo intombi yakhe ngeli tyala, yaze intombi yaphendula ngelithi ayikwazanga ukuya enkundleni, kuba wayengenayo imali yokukhwele iteksi.

Nangona kunjalo, umcuphi waye wamtsalela umnxeba emazisa ngeziphumo zetyala elijongene nesithandwa sakhe.

“Kuthiwa emva koko lo mama wambiza amagama intombi yakhe esithi usisidenge, ungumntu onganentliziyo kunye nomntu ozicingelayo ngethuba emvuthulula ngenduku, kuba wayeyixelele ukuba malirhoxise ityala kwakudala,” utshilo uManjana.

“Umninawa wexhoba, obekunye nabo, naye wangena wambetha udade wabo ngempama ebusweni.”

Ukwazile ukuqhwesha, wabalekela kwisikhululo samapolisa apho afike wabika khona ngesehlo.

Ngosuku olulandelayo, ngoMgqibelo, umama nonyana babanjwa kwindawo ababehlala kuyo kumatyotyombe aseMooiplaas.

Ngethuba lokuvela enkundleni, ityala elijongene nomama nonyana limiselwe uLwesine ukuze kuqhutywe uphando ngebheyile.

Eli bali liqale lavela kwi-IOL.