Amapolisa akhangela abarhanelwa abaxhwile inkosikazi yaseGqeberha

USonam Gajjar oxhwilwe ngamadoda amane. UMFANEKISO: SAPS

Abacuphi besikhululo samapolisa eUitenhage bakhangela amadoda amane abandakanyeka kuxhwilo lwenkosikazi yaseKariega enamashumi amathathu anesine (34) eminyaka ubudala namhlanje ekuseni, ngethuba ephuma eyadini yakhe.

Ngokwengxelo, malunga nentsimbi ye-07:50, uSonam Gajjar uphume ngemoto eyadini yakhe eMosel Road eKariega kwaye ngelixa esalinde isango livale emva kwakhe, kwathi gqi amadoda amane.

Ifestile yakhe kwicala lomqhubi iye yophulwa, wakhutshelwa ngaphandle kwemoto yakhe waphoswa kwimoto emhlophe yohlobo lweHyundai ebilindile. Iye yabalekisa imoto ibheke ngaseMotherwell.

Amapolisa aphanda ityala lokuxhwila kwaye acela nabani na onokuthi ancedise ngalo naluphi na ulwazi, nokuba luncinci kangakanani na, ukuba atsalele umcuphi wesikhululo samapolisa saseUitenhage uSajini Ricardo January ku-072 217 5772 okanye iCrime Stop ku-08600 10111 okanye isikhululo samapolisa esikufutshane. Lonke ulwazi luyimfihlo, kwaye abafowunayo banokuhlala bengaziwa.