AmaZulu azithathele amanqaku apheleleyo kwiBaroka FC

Bonginkosi Ntuli of AmaZulu celebrates goal with teammates during the Absa Premiership 2019/20 Highlands Park and AmaZulu at Ulwazi Centre MultiChoice City, Johannesburg, on 26 August 2019 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

AmaZulu
afumene amanqaku apheleleyo mva kokuba ezibethe iBaroka FC ngegowuli elinye eqandeni
(1-0) emdlalweni we-Absa Premiership obubanjelwe eNew Peter Mokaba Stadium
emalanga namhlanje. Igowuli aphumelele ngalo AmaZulu lifakwe nguBongi Ntuli
ngepenela emva kokuba umdlali weBaroka ebambe ibhola ngesandla. Asebenzile
kekambe AmaZulu ngoba ngawo ahlasele ukusukela ekuqaleni komdlalo. USiyethemba Sithebe
ugobe ibhola efumene uLehlohonolo Majoro endaweni entle – kodwa ngelishwa lakhe
ifikele ezandleni zika-Elvis Chipezeze ezipalini. Khange kube kudala kakhulu,
abadlali baBaroka bavale enye ibhola ebizanywa nguMajoro noSithebe.

Umqeqeshi
woSuthu ukhuphe uMajoro, endaweni yakhe wafaka uJabulani Ncobeni ofike wenza
umahluko emdlalweni. Nayo iBaroka ikhuphe uMartin Nsimba obekhe wafumana ithuba
lokufaka igowuli lokulinganisa emdlalweni. Endaweni yakhe kungene u-Orebetse
Mongae. Abadlali baMaZulu baphose amanye amathuba okongeza amagowuli ebhodini. Ekugqibeleni,
AmaZulu afumene amanqaku amathathu apheleleyo. Ebephumelela umdlalo wesibini
AmaZulu kule isizini. Ukuphumelela kwaMaZulu kunika ithemba umqeqeshi wawo
omtsha ophantsi koxinizelelo emva kokungaqhubi kakuhle kwawo ekuqaleni
kwesizini. Komnye umdlalo, iKaizer Chiefs ibethe iMamelodi Sundowns ngo’2-0
emdlalweni obusePitoli.  – ANA News
Agency