AmaZulu neChippa alwela ukusinda ezembeni

UBongi Ntuli noKelvin Moyo besilwela ibhola emdlalweni weAbsa Premiership obuKwaZulu-Natal kunyaka ophelileyo

Omnye wemidlalo yeAbsa Premiership oza kunika umdla ebantwini ngophakathi kweChippa United naMaZulu ngentsimbi yesithandathu emalanga eNelson Mandela Bay Stadium ngoMgqibelo.

Lo nto iza kubangelwa kukuba omabini amaqela alwela ukusinda ezembeni njengokuba kusongwa isizini.

Nangona iChippa ikwindawo yeshumi elinesibini, isengxakini ngoba ishiya AmaZulu namanye amaqela asezantsi kwayo ngamanqaku amabini qha.

Ingxaki akuyo la maqela mabini yenziwa kukuba akaqhubanga kakuhle emidlalweni yayo egqithileyo.

Yiyo lo nto kunyanzelekile adlalele ukuphumelela emdlalweni oseBhayi.

Khange iyiqale kakuhle iChippa le sizini kodwa kuye kwakho ukuphucuka kweziphumo emva kokufika kukaNorman Mapeza owathatha iintambo ezashiywa nguClinton Larsen owagxothwayo emva kwebathwana lemidlalo emihlanu.

Iziphumo zibe zihle emidlalweni embalwa ekuqaleni konyaka.

Ezo ziphumo ziyithathe iChippa zayibeka phakathi kwamaqela alishumi aphambili, kodwa ukubethwa ngamaqela afana neSuperSport United, iOrlando Pirates neMamelodi Sundowns kutshanje kuyiphindisele emva.

Ngokuqinisekileyo, uMapeza ufuna ukuwabetha AmaZulu atsala nzima kule sizini.

Ayikho enye indlela enokwenza ngayo iChippa ukuba ifuna ukunyukela phezulu, kufuneka ibethe AmaZulu.

Ingenzeka lo nto ngoba Usuthu lunabadlali abangazithembanga.

Omabini amaqela akuvuyele ukuphuma kwawo kwiNedbank Cup kuba efuna ukujongana nento enye. AmaZulu aya eBhayi enethuba elihle emva kokuphumla nokuzilolonga ngokungafaniyo neChippa ebethwe yiBidvest Wits ngo’2-0 emdlalweni weNedbank ekuqaleni kwale veki.

UMapeza uthe ukubethwa kweqela lakhe kulinika ithuba lokujongana nemidlalo yeAbsa Premiership.

“Kuyadakumbisa ukubethwa ngendlela esibethwe ngayo kodwa ngoku kufuneka sijongane nemidlalo yePSL futhi siqhubele phambili nokudlala ngokuzimisela,” utshilo uMapeza emva komdlalo eGoli.

Imidlalo yePSL:

Lwesihlanu: Maritzburg United vs Stellenbosch @Harry Gwala Stadium, 20:00

Mgqibelo: Golden Arrows vs Highlands Park @Sugar Ray Xulu Stadium, 15:30; Orlando Pirates vs Kaizer Chiefs @FNB Stadium, 15:30; Chippa United vs AmaZulu @Nelson Mandela Bay Stadium, 15:30; SuperSport United vs Bidvest Wits @Mbombela Stadium, 20:15

Cawe: Polokwane City vs Black Leopards @Old Peter Mokaba Stadium, 15:30; Bloemfontein Celtic vs Baroka @Dr Molemela Stadium, 15:30