Amazwi ovelwano ngokusweleka kukaMkhonza

USiphiwe Mkhonza.

Ayaphokoka amazwi ovelwano emva kokusweleka kowayesaya kuba ngumdlali wangasemva webhola ekhatywayo weqela iGolden Arrows, kunye neKaizer Chiefs.

USiphiwe Mkhonza usweleke ekuseni namhlanje (Lwesibini), nalapho usapho luveze ukuba ubehlaselwe zizintso.

Ngokwengxelo ekhutshwe lusapho, uMkhonza ebekwisibhedlele iCharlotte Maxeke, nalapho echithe inyanga efumana unyango. Ukanti emva kwenyanga siye samkhulula isibhedlele sakubona iimpawu zokululama.

“UMkhonza ubesele enakekelwa liqabane lakhe, nokwangumama wabantwana bakhe uNondumiso Masengeni kwikhaya labo eRoodepoort,” lutshilo usapho.

Usapho lwakhe lubulele inkxaso athe uMkhonza wayifumana kwababesaya kuba ngoogxa bakhe, abadlali bebhola, nabahlobo bakhe ngethuba engaphilanga.

UMkhonza ushiya ngasemva abantwana bakhe, utata wakhe uJoseph ‘Skheshe Kheshe’ Mkhonza, umama wakhe uPhindile kunye nomntakwabo.

“Amalungiselelo omngcwabo azakuphinde aziswe, nanjengoko kusekutsha oku kusapho,” lutshilo usapho.

UMkhonza ngethuba esengumdlali weKaizer Chiefs.

UMkhonza waqala ukudlala ibhola ekwizinga eliphezulu ngo-1991, nalapho wayedlalela iBloemfontein Celtics, ekhokela eli qela eneminyaka elishumi elinesibhozo ubudala.

Ukhe wadlalela amaqela afana neRia Stars neGolden Arrows, phambi kokuba adlalele iKaizer Chiefs, nalapho wathi wayinxalenye yeli qela elaphumelela iligi ka-2004/05. Ukanti amanye amaqela awadlaleleyo aquka AmaZulu, iMaritzburg United, iSuperSport United, neBlack Leopards. Ukhe walidlalela amatyeli iqela laBafana Bafana.

Emva kokuthabatha umhlalaphantsi ngonyaka ka-2012, uMkhonza uye wangumhlalutyi webhola othandwayo nohlonitshwayo kamabonakude kwiSABC.

UMpathiswa weZemidlalo uZizi Kodwa ugqithise amazwi ovelwano ngokusweleka kukaMkhonza.

UKodwa umbalule ngengomdlali wangasemva obebalasele ngexesha lakhe. “USiphiwe Mkhonza ubeyinkokheli ebaleni nangaphandle. Ubekwaneembono ezintle ngomdlalo njengomhlalutyi, ndibuhlungu kakhulu ngokusweleka kukaMkhonza. Iingcinga kunye nemithandazo yam ikusapho lakwaMkhonza kuquka necandelo lebhola ekhatywayo kuMzantsi Afrika,” utshilo uKodwa.

Ukanti iChiefs lelinye lamaqela athe akhumbula uMkhonza nowayengumdlali wangasemva weli qela.

IKaizer Chiefs ivakalise ukukhathazeka kwayo ziindaba zokusweleka kowayesaya kuba ngumdlali weli qela.

“U-‘Dr Mnandi’ ulidlalele eli qela ngokugqwesileyo. Njengomnye wethu, usapho lulonke lweChiefs lukhala kunye nosapho lwakhe. Silunqwenelela amandla nentuthuzelo usapho lwakhe. Wanga umphefumlo wakhe ungaphumla ngoxolo,” atshilo aMakhosi.