UWandile Duba uncede iChiefs iphumelele ekhaya

UWandile Duba weKaizer Chiefs ebhiyozela igowuli alifakileyo kumdlalo weDStv Premiership phakathi kweKaizer Chiefs neGolden Arrows eFNB Stadium. UMFANEKISO: © Sydney Mahlangu/BackpagePix

Umdlali wasesiswini oselula, uWandile Duba, ufake igowuli eliqinisekise ukuba iKaizer Chiefs ibuyela ekuphumeleleni kanye ngexesha ledabi laseSoweto neOrlando Pirates kule mpelaveki.

Amakhosi ebephantsi koxinizelelo emva kokuba iziphumo zemidlalo emibini edlulileyo zingahambanga ngendlela ebefuna ngayo.

Abafana bakaCavin Johnson bakhutshwe kwiNedbank Cup yiMilford FC kwiiveki ezimbini ezidlulileyo, emva koko babambana ngeqanda macala neqela leMoroka Swallows kwimpelaveki.

UDuba ubeke iqela lakhe phambili ngemizuzu nje elishumi elinanye kwisiqingatha sokuqala.

Indlela Amakhosi adlale ngayo ngoLwesibini xa ephumelela kumdlalo naBafana Bes’thende ubungemhle, kodwa Amakhosi afumene into ebeyifuna: Ukufumana amanqaku amathathu. Ngoku iqela laseNaturena liwuvuselele umlo walo wendawo yesibini, nendawo kwiCAF Champions League.

Umdlalo ubungelula, amadoda aseLamontville ebenkqonkqoza kodwa abakwazanga ukufaka ibhola emnatheni kuba uBruce Bvuma ebegade iipali.

Emva kwempumelelo, iChiefs ngoku ilingana ngamanqaku angamashumi amabini anesithoba (29) neOrlando Pirates. Badibana nePirates ngokuzithemba.