‘Umthandazo wethu kukuba abe ucholwe ngumntu umakhulu wethu’

UMakhulu uNolisini Simaniyo (84) kufuniswa ngaye eQonce neziphaluka emva kokuduka kwakhe kwiveki ephelileyo esiya kuloliwe kaPhelophepha edolophini eQonce.

Luxhalabile usapho kuba ngoku sele iyiveki engabuyi umakhulu ekhayeni lakhe eNdileka eQonce.

UYonela nongumzukulwana kamakhulu osele eneveki engaziwa apho akhoyo uNolisini Simaniyo (84), uthi oko kwaduka umakhulu wabo ngoLwesibini kwiveki ephelileyo esiya kuloliwe kaPhelophela edolophini eQonce, abasayazi into ekuthiwa bubuthongo. Kusa behleli kuba bengayazi nokuba umakhulu wabo wenzani phi, esenziwani ngubani, ehlamba phi kwaye esitya phi.

UNolisini ngowelali iNdileka eQonce, ixhala kukuba ungumntu otya iipilisi zepresha nezazisebhegini yakhe ngethuba emka ekhayeni esiya edolophini kuPhelophepha kuba eyokufuna impilo. Usapho kungoku nje lusaxhalabile lubongoza amancedo ekukhangelisweni eli xhewukazi.

UYonela ebalisela eli phephandaba uthi kona kona waya umakhulu kuPhelophepha kuba isihlobo sabo esasikhwelise umakhulu ngolu suku siqinisekile ukuba sayokumbeka emasangweni kaPhelophepha edolphini umakhulu kuba ingumntu omdala efuna ukumsondeza.

Uthi umnqweno wabo kwanethemba abanalo ingaske abe wacholwa ngumntu wamgcina emzini wakhe kunokuba ayantaze phandle kwizinto ezimbi kangaka ezenzekayo.

“Ndiyathandaza kwaye simane sibanento ethi mhlawumbi wacholwa ngumntu wamgcina qha mhlawumbi ngumntu ongekho kumakhasi onxibelelwano ongaboniyo nokuba sifunisa ngaye umakhulu.

“Ukulahleka komntu omdala kubuhlungu phofu nokuba ibingumntwana kubuhlungu nje akonwabisi. Siyabongoza sicela nobanina ombonayo asincede ngaye,” utshilo umzukulwana.

UYonela uqhube wathi okubahlukumeza nangakumbi zezi ngxelo zimane zisithi tshe zokuba umakhulu uboniwe kwindawo ethile nathi xa befika kuthethwe enye. Uthi ngoku nabenzi bobubi sele bethatha amathuba kuba bebabona ukuba baxakekile.

Ityala livuliwe lusapho emapoliseni kwaye luyenziwa uphando nangona kungekabikho nto icacayo.