Angalahlekelwa ngumsebenzi umqeqeshi weBaroka FC

Kgoloko Thobejane coach of Baroka FC during the Absa Premiership match between Orlando Pirates and Baroka FC on 06 January 2018 at Orlando Stadium Pic Sydney Mahlangu/BackpagePix

Umqeqeshi weBaroka FC osengxakini
enganikwa uphumaphele ukuba ufunyanwa enetyala liqela lakhe emva kwenkqubo
yoluleko ezakuchotshelwa kwiveki ezayo. UKgoloko Thobejane uzakuthawuziswa
yikomiti yoluleko yeBaroka emva kwezityholo ezithi wazintyintya ngomdiliya
omfaxangiweyo (utywala) eBhasini emva kokubethwa kweqela lakhe yiFree State
Stars ekuqaleni kwale nyanga. Isekela mqeqeshi lakhe uTshegofatso Machoene
kunye noDelbert Lekoana kuthiwa nabo banqunyanyisiwe emva kwesehlo saseBhasini
eyayisuka eGoble Park Stadium. Ukapteni weqela u-Olaleng Shaku no-Oscarine
Masuluke kwithiwa bakwazile ukusiphepha isohlwayo.

“Akukho nto ndiyaziyo
ngokunxila kwabo eBhasini (Shaku noMasuluke). Bona bobabini abanqunyanyiswanga.
Njengangoku bayazilolonga neqela. Andikweli nabadlali eBhasini, ndizihambela
ngeyam imoto. Luxanduva lomqeqeshi ke ukuqinisekisa okokuba abadlali baziphatha
kakuhle. Ukuba uthi kum bebesela utywala, andiyazi lo nto,” itshilo ingqonyela
yeBaroka, uMorgan Mammila.

Kubonakala ngathi
nguThobejane uzakuphendula phambi kwekomiti yoluleko nangona ingathi yayinguye
yedwa. “Into endingazuyithetha kukuba unqunyanyiselweni ngoba yinto yethu
ngaphakathi leyo. Umzi nomzi unemiqathango yawo. Siyamhlonipha umqeqeshi
kwakunye neqela. Asikwazi ukukhupha nje izinto eziyimfihlo. Into esinokuyithetha
kukuba umqeqeshi unqunyanyisiwe. Akazukubakho xa sidlala neChippa United
ngoMgqibelo ePeter Mokaba Stadium. Isekela mqeqeshi uMacDonald Makhubedu
uzakuxhuzula imikhala encediswa nguThoka Matsimela,” utshilo uMammila.

Nangona iBaroka FC
ibiyiqale ngendlela encomekayo isizini ka-2017/18 emva kokusinda cebeshu
ekuthotyiselweni kwisizini egqithileyo – kodwa izinto ziye zajika phambi
kokuphela kuka-2017. Izinto ezinje ngale ivakalayo zingaliphazamisa iqela
lizibhaqela lisengxakini kwakhona. Ingqonyela yeBaroka iyibethelele into ethi
bafuna ukuqwalasela lo mba kuba bengafuni iphazamise umsebenzi weqela lonke. “Umqeqeshi
uyazi ukuba simnqumamiseleni. Asizongilosi nathi, iimpazmo siyazenza – kodwa sifuna
ukuqinisekisa ukuba iqela alichatshazelwa kakubi yile nto,” uvale ngalo mazwi
uMammila.