Ayahluzana ngoku amaqela ombhoxo kwiEastern Cape Super 14

Isiqendu esitsha seyona tumente yombhoxo enkulu eMpuma Koloni siya sinika umdla ngokuhamba kwexesha. Emva kweeveki ezine iqalile iEastern Cape Super 14, amaqela aziwayo afana neProgress ne-African Bombers ayasokoliswa ngamaqela azimisele ukuzenzela imbali embhoxweni waseMpuma Koloni. Njengokuba amaqela ohlulwe kabini, uGroup A ukhokelwa yiPark Rugby enamanqaku alishumi elinethoba ebhodini. Idlala imidlalo emine futhi yonke iyiphumelele. Kwiveki ephelileyo ibethelele indawo yayo phezulu ngokubetha ngongciphu iNcerha Leopards ngo’20-17. Kanti emva kwayo kuphefumla emagxeni wayo iPE Harlequins eneshumi elinesine lamanqaku ewafumene emidlalweni emithathu.

Kukho iProgress kwindawo yesithathu engayenza ingxaki ukuba iyayiphumelela yonke imidlalo. IProgress lelinye lamaqela alushica nelibukhali kakhulu embhoxweni waseMpuma Koloni noxa lisahamba emva nje kule sizini. Yena uGroup B ukhokelwa yi-Old Selbornians ephuma. Emidlalweni emine, iqokelele ishumi elinesixhenxe lamanqaku . Iphumelele kathathu yaze yadlala ntanganye emdlalweni omnye. Emva kwayo kukho iSwallows ne-EL Police ngokulandelelana. Elinye lamaqela ebejongwe kakhulu, iAfrican Bombers, lihleli kwindawo yesihlanu emva kokuqokelela amanqaku amahlanu qha emidlalweni emithathu.

Okunika umdla kuGroup B kukuba omathathu amaqela aphezulu akakabethwa kule isizini futhi aseza kudibana. Kulindeleke ukuba kutake iintlantsi xa kudibana iHarlequins nePark Rugby ekwindawo yokuqala kuGroup A. Omabini amaqela aza kube esilwela indawo yokuqala. Yona iProgress iza kudibana neNcerha Leopards emdlalweni oza kube useCentral Fields. KuGroup B, i-Old Selbornians iza kulwela ukubambelela kwindawo yokuqala xa idibana ne-EL Police emdlalweni ekulindeleke ube nzima macala omabini.

Imidlalo yeSuper 14

Mgqibelo: Progress vs Ncerha Leopards @Central Uitenhage,15:30; Park Rugby vs Harlequins @Londt Park,15:30; Young Leopards vs Black Eagles @Ducats,15:30