Ayifikanga igalelekile iCurrie Cup

Iqela leeSharks liza kufumana ithuba lokubuyisa isidima ngohlobo lwendebe yeCurrie Cup eza kuqala kule mpelaveki izayo. IiSharks zidlale kakubi kakhulu kwiVodacom Super Rugby yalo nyaka, neyaphela iphunyelelwa ziiHighlanders.

Namhlanje ngokuhlwa iiSharks ziza kuba nomdlalo wobuhlobo kunye neeGolden Lions ePietermaritzburg, kwaye imimoya yabadlali iphezulu malunga nomdlalo wanamhlanje.

US’bura Sithole ube nesizini entle kakhulu yeVodacom Super Rugby kulo nyaka, nangona edlaliswe ngoku sele isondele ekupheleni. Udlale imidlalo esibhozo ilandelelana kwaye ube nendima ebonakalayo. USithole wenzakala kumdlalo wokuqala weSuper rugby wabe ngolu hlobo uyaphunyuzwa kwesixhenkxe emva koko.

“Ndijonge phambili ekubeni ndithathe konke ukuzithemba endithe ndakufumana, ndidlale umbhoxo uphucuke kakhulu kwiCurrie Cup,” utshilo uSithole.

Nangona uSithole engengomdlali omdala kwiiSharks kodwa unamava kakhulu aza nawo kweli qela.

“Ngendlela izinto ezime ngayo, silahlekelwe ngabadlali abaninzi ababheke phesheya, sonke siza kufumana ithuba lokutyhalelwa kwiindima eziphezulu kwiqela.”

Iqela leeSharks liya ngokuphulukana nabadlali abadala ngoku, iqela labo lizaliswe ngabadlali abancinci.