Ayizimiselanga kubuyisa unyawo iDowns

IiBrazillians zizakuthatha apho beziyeke khona ngomso xa ityelela iimbangi zazo ezinkulu kule sizini, kumdlalo we-Absa Premier Soccer League ozakube useBidvest Stadium ngecala lentsimbi yesixhenxe ngorhatya.

Zintshatsheli ngokusesikweni iMamelodi Sundowns kodwa umqeqeshi wayo uPitso Mosimane, uthi akonelanga ngoba isizini ayikapheli.

Eyona nto esetyenzelwa ngaMasandawana ngoku kukuqokelela amanqaku kangangoko anako, ukuze ibelelona qela liqokelele amanqaku amaninzi kwimbali yePSL.

IDowns yenze enye imbali kwiveki ephelileyo ngethuba iphumelela indebe yePSL ityeli lesixhenxe kwiminyaka engamashumi amabini, emva kokubetha AmaTuks ngo’3-0 kumdlalo obuseTuks Stadium.

Nakubeni eli qela lasePitoli lizintshatsheli zesizini ka’2015/16 – kodwa uPitso ufuna lidlale umdlalo walo wesiqhelo ngoba beyiSundowns bafuna ukufikelela kwindawo abazibekela yona ekuqaleni kwesizini.

Injongo yeDowns yayikuqokelela amanqaku angaphezulu kunangokuya babefumene indebe yePSL ngokutsho kukaPitso.

IWits ibisoloko ihleli emva kweSundowns yonke le sizini, kodwa iye yanikezela emva kokuba igqwidize kwimidlalo yayo yokugqibela.

“Asizokulahlekelwa nto thina, ngoku sidlalela nje igama lethu. Satsho sathi sifuna ukudlula kumashumi amathandathu anesihlanu amanqaku esawafumana kwixesha elingaphambili. Asifuni kuphulukana nalo mdlalo siza kuwudlala neWits,” utsho uPitso.

Iqela likaGavin Hunt lihleli kwindawo yesibini njengokuba amanye esatsala tsalana ngendawo yesithathu.

Iyakudlala umdlalo wayo wokugqibela iSundowns nePlatinum Stars ngomhla wamashumi amabini ananye kule nyanga, ngulo mhla ezakuthi inikwe ngawo indebe ngokusesikweni yiPSL.

Nalowo umdlalo, uPitso akafuni ukuphulukana nawo kuba ufuna iqela lakhe liphephe ukubethwa ngomdlalo walo wokugqibela.