Aza kuswantsulisana kuBhomela amahashe kwakhona

Ihashe elidumileyo, uAndazi, liza kube liphakathi kwamahashe aza kubaleka kwitumente ekwilali yakuBhomela, eDutywa, ngeCawe. Umfanekiso: Pedro Mapelo

Iidyoki neenkabi zazo zamahashe ziza kuqhumiselana ngothuli kule mpelaveki xa edibana kumdyarho okulindeleke ube kumgangatho ophezulu.

Amahashe aphuma kwiilali zaseDutywa nakwiidolophu eziyingqongileyo kulindeleke agxalathelane ukuya kumdyarho omkhulu oququzelelwa liqumrhu elibizwa ngokuba yiAndazi Trust kwilali yakuBhomela emini ngeCawe.

Le tumente yamahashe iza kuqhutywa egameni lehashe elenze imbali eMpuma Koloni ngokugqugqisa kwimidyarho eliqela kule minyaka idlulileyo kuquka nowona umkhulu – iBerlin November.

Ingxelo ekhutshwe ngabaququzeleli betumente ithi itumente yamahashe ekule veki sisiqalo sezinto ezintle ezinokulindelwa eMbhashe ngoba kukho iitumente abazimisele ukuziququzelela ezibandakanya ulutsha.

UMbhashe, ofaka phakathi iidolophu ezifana neDutywa, iXhorha noGatyane, yindawo enabantwana abanomdla kakhulu emidlalweni entlobontlobo – kodwa ingxaki abanayo kukungabikho kwenkxaso nenkqubo yophuhliso ecacileyo.

Umdlalo wamahashe uyathandwa kakhulu eMbhashe kwaye nomasipala uyazama ukufaka isandla kuwo.

Itumente le ifika uAndazi esokola ebaleni xa kubalekwa ngenxa yokwenzakala obe kukhe kwavakala ukusukela kunyaka ophelileyo.

Wabethwa kunyaka ophelileyo kwiNgumbela Horse Racing lihashe lakuCentane. Kanti nomninawe wakhe uAsinamali uthanda ukumbeka ngemva emidlalweni. Eli ingalithuba mhlawumbi lokubonisa amandla wakhe uAndazi kwakunye nokubuyisa ubunganga bakhe. Kwakube kuphiswa ngamabhaso amakhulu ngoMgqibelo.

Onke amahashe aza kungenela ugqatso felefele – kodwa ihashe ngalinye eliphume phambili, liza kuhamba lixhakazela, batshilo abaququzeleli. Amahashe ekulindeleke akhuphisane ngaphalayo nawomhambi – kodwa aza kubalekiswa ngokwendlela aqhele ukwahlulwa ngayo emidlalweni.

Ihashe lakuGatyane eliphumelele kumdyarho kamasipala kutshanje ekuthiwa nguMntunzima – kulindeleke liswantsulisane noAndazi noAsinamali.