Lonwabo Tsotsobe: Babethetha isiBhulu, bengafuni sithethe isiXhosa

Umdlali weProteas uLonwabo Tsotsobe umfanekiso: Ryan Wilkisky/BackpagePix

Omnye wabadlali abaziqaqambisayo kwiqakamba yehlabathi, uLonwabo Tsotsobe, uyibalise yambi indlela ababephethwe ngayo abadlali abamnyama kumaqela eqakamba nakwiqela lesizwe.

Kwiveki ephelileyo, uMakhaya Ntini uxelele iSABC indlela awayechwethelwa ecaleni ngayo ngabadlali abamhlophe ezinkampini zeqela lesizwe emva kwephulo elichasene nobuhlanga (Black Lives Matter) eliqalwe nguLungisani Ngidi kwiveki ephelileyo.

Abadlali abaninzi abamnyama bachaze impatho embi abayifumeneyo eminyakeni edlulileyo emva kokuhlaselwa kukaNgidi ngamagqala amhlophe awayedlalela iProteas.

Ngokokutsho kukaTsotsobe, abadlali abamnyama bebengenayo inkululeko yokuthetha ngokukhululekileyo.

“Sasiyixelelwa thina (abamnyama) into emasiyithethe kumajelo eendaba ngabaphetheyo kwiqakamba kodwa abanye abantu bakhululekile bathethe. Sasingakwazi ukuthetha nangolwimi lwethu. Sakhe sabizwa noSinethemba Mjekula kwiWarriors kuba sithethe isiNtu (isiXhosa) kodwa abathetha isiBhulu babeyekwa,” utshilo okaTsotsobe kuMhlobo Wenene FM kutshanje.

Abadlali abamnyama babenyanzelwa bathethe isiNgesi ngoba abaphetheyo babengafuni ukungayiva into abayincokolayo. Kwanyanzeleka abadlali baginye nokuba kuyakrakra ngoba iqakamba ibiyinto yokususa ikati eziko.

Ngethuba ekhwetywa kwiqela lesizwe, umdlalo wakhe uTsotsobe wawusezingeni eliphezulu kodwa wadana xa exelelwa okokuba makame endaweni engabalulekanga ebaleni ngokuba oothinti kufuneka bathathwe ngabadlali abamhlophe.

“Umphathi weqela lesizwe wathi mandingazikhathazi ngokuchola oothinti ngokuba lo nto iza kwenziwa ngabadlali abamhlophe. Ukuze ndifumane ithuba kwafuneka uMakhaya abenengxaki emfuna ekhaya. Okuthethwe nguMakhaya yinyaniso. Besihlala emva thina ebhasini bona bahlale ngaphambili. Sasifaka umculo ezindlebeni noWayne kuba sasifuna ukungaphazamiseki phambi komdlalo. Kwakunzima ngokuba sasingakwazi ukuthetha ngayo ngoba sasisazi ukuba siza kuhlaselwa,” utshilo uTsotsobe.

“Abantu abamnyama babebekwa kwelinye icala, abamhlophe kwelinye xa kufotwa. Ndandingafuni ke ukuthetha kuba yayisisonka sam futhi ekhaya babelinde ndize nento etyiwayo ekhaya,” uvale ngaloo mazwi uTsotsobe.