Bakhalela ukunikwa uKentucky endaweni yekiti

Iqela lomnyazi eliphumelele indebe kwiBuffalo City Mayoral Cup 2017 UMFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

Abaphathi bamaqela omnyazi abaxolanga yinkqubo esetyenziswayo ngumasipala kwiBuffalo City Mayoral Cup 2017.

Umqeqeshi weBlack Destroyers, uKhaya Makaya, ezazimele uWadi 7, uthi abantwana bakhe abayifumani inkuthazo xa bedlala kule tumente ngoba umasipala usebenzisa indlela engaqhelekanga.

Esinye isikhulu kwibhola yomnyazi esingafunanga ukuchazwa ngegama sithethe into efanayo.

UWadi 7 uzakumela iBCM kwibhola yomnyazi kwimidlalo yeSalga emva kokuphumelela eBuffalo City Stadium kutshanje. Nangona iBlack Destroyers iye yachonga abadlali abambalwa kwamanye amaqela phambi kwemidlalo yamagqibela kankqoyi – kodwa ayixolanga kwaphela kuba abanye abadlali bayo abazifumenanga iimbasa zegolide ekugqibeleni kwetumente, endaweni yoko zinikwe abadlali abachongiweyo abazakuya kwimidlalo yeSalga.

“Sivuye kakhulu sakuphumelela. Besingaqali, besibambe indawo yesibini amatyeli aliqela. Siya nabantwana kule midlalo, banikwe ukutya qha. Izikipa bazibuyisela kumasipala bakugqiba ukufotwa. Yenzeke iminyaka emithathu kwaye iyakutyhafisa wena mntu ungumqeqeshi. Kuba kubi ngakumbi ebantwaneni. Besinethemba lokuguquka kwezinto ngo-2017,” utshilo umqeqeshi weDestroyers.

Kwenzeke la nto inye; banikwe uKentucky (KFC) endaweni yekiti yiBuffalo City nendebe eqalayo ukuhlala kubo.

Iyaqala ukuza kuthi kulo nyaka, lo nto ayibakhuthazi abantwana. Indlela ekuqhutywa ngayo kula tumente iyatyhafisa. Ukunganikwa kwabadlali abaphumeleleyo iimbasa asiyiqhelanga. Ziyaphi ezi zikipa, zinxitywa ngubani? Asiyinikwanga le kiti, sinikwe iKhentakhi qha,” kutsho uKhaya.

“Xa sibapha ukutya abantu sizama ubonakalisa ukuba sibaxabisile kwaye lo nto ayinanto yokwenza neziphumo zemidlalo. Injongo yethu kukukhuthaza ulutsha ukuba ludlale kwiindawo zalo. Ekugqibeleni sifuna iqela elizakumela umasipala wethu kwimidlalo yeSalga – umnyango wethu uvuliwe kubantu abongenelisekanga,” utshilo uSamkelo Ngwenya, isithethi seMCB.