‘Bandivela ngemva kwiPirates ndingekaqali nomsebenzi’

Rhulani Mokwena

Umqeqeshi weChippa United, uRulani “Monalisa” Mokwena, uthi kukho abantu abakwisigqeba esilawulayo kwiOrlando Pirates abajikela ngaphaya kwakhe bayokuthetha nabadlali beneenjongo ezimbi ngaye.

Oku kudizwe nguMokwena ngenkqu xeshikweni encokola neentatheli kutshanje.

Kunyaka ophelileyo, uMonalisa wanyuselwa yiPirates wangumqeqeshi oyintloko emva kokuhamba kukaMilutin “Micho” Sredojevic kusadlalwe imidlalo embalwa kakhulu ekuqaleni kwale sizini.

Izinto zange zimhambele kakuhle uMokwena kwade kwanyanzeleka abaphathi beBucs baxoze omnye umphini ukuze kufike indoda yaseJamani uJosef Zinnbauer ekupheleni kuka2019.

Ngokokutsho kwakhe uMokwena, zininzi izinto awazinyamezelayo eziquka ukuvelwa ngemva ngabantu abathile.

URulani kwabolekiswa ngaye kwiChippa emva kokuthi shwaka ixesha elide engabonakali ebholeni ekhatywayo.

“KwangoMvulo ezintsukwini, kweza umdlali kum wathi kukho umntu okwisigqeba esilawulayo owambuza umbuzo othi ingaba bayakwamkela na ukunyuselwa komqeqeshi?

Ndiyanixelela, ndandingekawuqali umsebenzi wokuqeqesha, kwakusele kukho abantu abatyala intandabuzo ngam ezingqondweni zabadlali. Andiqondi into enjalo ingenzeka nakubani na.

Kodwa ezo zizinto ezimqinisayo umntu kwaye ingayinkcithaxesha ukuba ndingabamba ezo zinto. Kum, ledlula ixesha lokujonga iminyaka emntwini. Abawafumani abaqeqeshi abancinane amathuba apha eMzantsi Afrika ngoba kusokolo kukho abantu abamnyama abakhela abanye abantu amayelenqe ukuze bangaphumeleli.

Emva kokusebenza noPitso Mosimane kwiMamelodi Sundowns nokuncedisa kwiPirates, uMonalisa ebesoloko ebonwa njengomnye wabaqeqeshi abakrelekrele abamnyama ekulindeleke baqaqambe xa benikwe ithuba lokuqeqesha.