Bashiyeke benomsindo abeMdantsane Association

Nangona bekonwatyelwe ibhola ekhatywayo kwiveki ephelileyo – kodwa iinkokeli zoMdantsane Local Football Association zishiyeke zinomsindo yinto ezithi kukuchwethelwa ecaleni kwazo yiPSL ebisingathe imidlalo yeMultiChoice Diski Challenge, eSisa Dukashe Stadium ngoMgqibeko nangeCawe.

Njengoko yayithembise ngokusasaza imidlalo iMultiChoice ekusungulweni kweMDC – ibiseMpuma Koloni kwiveki ephelileyo. Yonke into ihambe kakuhle – nangona usihlalo weLFA, uMnu. Mnyamezeli Bhomeni esithi ebecinga ukuba bakubandakanywa xa kukho imidlalo endaweni yabo.

“Imidlalo ihambe kakuhle, abantu bebekhona – kodwa hayi ngokwaneleyo. Ukuba bekwenziwe amalungiselelo kakuhle, ndicinga ukuba inkxaso ngeyingaphezulu koku. Abanikazi bale midlalo bazama ukuthetha nathi kodwa bathi cwaka kwabona. Bekumeluba abantwana abancedisa ebaleni bakuphuma kuthi, umnqa khange kubekho lizwi eliphuma kubaququzeleli. Besicinga ukuba sithi abazakwamnkela abantu apha – kodwa khange kube njalo. Siyakubulela ukuza kwebhola apha, kusincede enini thina? Akukho nto,” utshilo uBhomeni.

I’solezwe lithethe noLuxolo Sepetember othethe wenjenje: “Andibazi nokuba bathethe nabani ngoba thina (siyiPSL) sisebenza neSAFA – hayi iLFA. Sabathumelela izimemo kodwa, yindlela esiqhuba ngayo leyo.”

Njengokuba ibala lilungisiwe, abebhola eMdantsane, banoloyiko lokuphulukana neSisa Dukashe njengendawo abadlalela kuyo. Umnqweno wabo ibukukuthetha ngemiba enjalo – kodwa ke izinto azenzekanga ngolo hlobo.

pedro.mapelo@inl.co.za