Baza kunyuka umnqantsa aBafana Bafana emdlalweni wanamhlanje

Umqeqeshi weqela lesizwe lebhola ekhatywayo, uHugo Broos, ubalumkisile abadlali bakhe ngelithi bangalideleli iqela abaza kudibana nalo. ABafana Bafana baza kuvana amandla neCape Verde emdlalweni we’Africa Cup of Nations obekelwe intsimbi yeshumi ebusuku namhlanje eState Charles Konan Bany de Yamoussoukro. Umdlalo wanamhlanje ulandela ukufundisa kwabo isifundo iMorocco abayibethe ngamagowuli amabini eqandeni ekuqaleni kwale veki.

Emva kokuba ubambe indawo yesibini kuGroup E, ngoku uMzantsi Afrika ugxanyela ukuya phambili kwakhona. Kodwa kufuneka basuse omnye umqobo phambili kwabo. Okuhle kukuba aBafana Bafana baya endlalweni bekhuthazekile futhi bebona aapho baya khona – kodwa umqeqeshi wabo unexhala lokuyithatha kancinci iCape Verde eyingozi. “Sisakonwabele kakhulu ukudlala kwiAfrica Cup of Nations. Yazi xa ukubetha iqela ebekucingwa ukuba liza kuthatha indada yinto emnandi.

“Sidlale kakuhle kakhulu emdlalweni ogqithileyo kwaye iziphumo zawo zisinike amandla,” utshilo uBroos ethetha nabeendaba izolo. Umqeqeshi uthi iqela lakhe likulungele ukusebenza emdlalweni olandelayo namhlanje ebusuku. “Ndicinga ukuba siza kube sikulindele ukudlala ngomso. Asingeke siyijongele phantsi iCape Verde. Noxa ingenabo abadlali abaziwayo njengeMorocco – kodwa sakube senza impazamo ukuba siyijongela phantsi. Inabadlali abadlala kakuhle kakhulu ebaleni. Kunzima ukudlala neCape Verde.

“Lo nto ithetha ukuthi kufuneka sidlale ngokuzimisela. Impazamo esingayenza ngoku kukucinga ukuba yonke into iza kuhamba lula kuba sibethe iMorocco. Masiqubisane nomdlalo olandelayo, emva koko sibone ukuba sithini. Sizithembile – kodwa siyazi ukuba umdlalo uza kuba nzima. Awukho umahluko emdlalweni ogqithileyo,” utshilo uBroos izolo. Iyingozi iCape Verde ngoba yiyo kuphela ebiphumelele yonke imidlalo kuGroup B ekuqaleni kwetumente eqhubekayo.