Abanjiwe amadoda amahlanu aphange amashishini

Abarhanelwa abahlanu babanjelwa ukuba nempahla ebiweyo, imipu neembumbulu ezingenalayisenisi eKomani ngoLwesine, umhla wokuqala kweyoMdumba ka2024. Oku kuza emva kokuba amapolisa elandele iinkcukacha malunga nokukhuthuzwa kwamashishini eGcuwa naseNgqamakwe. Eli phulo beliqhutywa ngamalungu aphuma kwiSithili saseAmathole neChris Hani ngoncedo oluphuma kwiiyunithi ezikhethekileyo iK9 neFlying Squad kunye nenkampani yabucala yokhuseleko.

Isithethi samapolisa uCaptain Namhla Mdleleni uyangqina ukuba amapolisa alandele ulwazi malunga nesithuthi esikrokrisayo. “Kuthe kwalandelwa olu lwazi, kwaze kwabonakala isithuthi esikrokrisayo sohlobo lweFord Figo kwindlela uN6 sisiya ngaseMonti samiswa,” utshilo uMdleleni.

Ingxelo ithi abarhanelwa abahlanu abaphakathi kweminyaka engamashumi amabini anesibini (22) ukuya kumashumi amathathu anesihlanu (35) babanjwe benezinto ezibiweyo ezixabisa malunga neR120 000, isixamali esingachazwanga, nemipu emibini engenalayisenisi neembumbulu.

La madoda mahlanu alindeleke ukuba avele kwinkundla kamantyi yaseKomani ngoMvulo umhla wesihlanu kweyoMdumba ka2024 ngezityholo ezisusela ekubeni nempahla ebiweyo ukuya ekubeni nemipu neembumbulu ngaphandle kwelayisenisi (amatyala amabini). Kunokwenzeka ukuba kubekho amatyala ongezelelweyo kwixesha elizayo kuphando.