Ukhululwe ngebheyile yeR5000 umama owenz’ iimbiza ngeentambo zombane ezibiweyo

Umama uNombango Claudia Mogiba (52) okhululwe ngebheyile yeR5000. UMFANEKISO: HAWKS

Inkosikazi eneminyaka engamashumi amahlanu anesibini (52) ubudala, uNombango Claudia Mogiba, ukhululwe ngebheyile yeR5000 yiNkundla kaMantyi yaseCalcutta emva kokuba ebanjelwe ukuba nezinto ekurhaneleka ukuba zibiwe; iintambo zikaEskom kunye neseyile yakwaTransnet.

UMogiba ubanjwe liqela leeHawks elizinze eNelspruit eliphanda ulwaphulo mthetho olumandla, lisebenzisana namanye amacandelo eNkozo yesiPolisa oMzantsi Afrika, ngokokutsho kwesithethi samapolisa uCaptain Dineo Lucy Sekgotodi.

“UClaudia Mogiba uvele phambi kweNkundla kaMantyi eCalcutta ngoLwesine, umhla wokuqala kweyoMdumba ka2024 ngokufunyanwa nezinto ekurhaneleka ukuba zibiwe,” utshilo uSekgotodi.

Iimbiza zikamama uNombango azenza ngokunyibilikisa iintambo ezibiweyo. UMFANEKISO: HAWKS

“Unikwe ibheyile yeR5000 laza ityala lahlehliselwa umhla wamashumi amabini anesibhozo (28) kwinyanga yoKwindla ka2024 ukuze kuqhutyekwe nophando.”

Ekuqaleni kwale veki, iiHawks zathi iintambo zakwaEskom ezifunyenwe kwaMogiba zisetyenziselwa ukwenza iimbiza ezinkulu. Kwafunyanwa iimbiza ezininzi eyadini.

“Kuthiwa ngoMvulo, umhla we-29 kweyoMqungu ka2024, malunga nentsimbi yesibhozo kusasa, kwafunyanwa ulwazi oluvela kwiqela iCombined Private Investigations (CPI) malunga nendlu eseMkhuhlu apho kwakugcinwa khona iintambo zombane ukuze zihanjiswe ezinzulwini zobusuku. Iqela lilandele iinkcukacha laza laya kule dilesi ichaziweyo,” utshilo.

Xa befika abezomthetho kule ndlu, umninimzi wayengekho ekhaya.

Iimbiza zikamama uNombango azenza ngokunyibilikisa iintambo ezibiweyo. UMFANEKISO: HAWKS

Ekufikeni kwakhe uMogiba waxelelwa malunga nobukho bencwadi egunyazisa ukugqogqa.

“Unike iqela imvume yokugqogqa indlu neyadi. Ngethuba kugqogqwa, iintambo zealuminiyam ekucingelwa ukuba ziphuma kwaEskom zifunyenwe zigqunywe ngeseyile yakwaTransnet. Ezinye iintambo zealuminiyam zifunyenwe ecaleni kwendlu, zigqunywe ngeseyile,” utshilo uSekgotodi.

Amagosa akwaEskom abizelwa kwindawo yexhwayelo kwaye baqinisekisa ezo ntambo njengempahla kaEskom.

Iseyile emnyama egqume iintambo zealuminiyam nayo yaqinisekiswa ukuba yimpahla yakwaTransnet.

Iintambo ezifunyenwe kwiyadi kamama uNombango ngethuba kusenziwa ugqogqo. UMFANEKISO: HAWKS

“Kwafunyanwa iimbiza ezininzi zealuminiyam endlini nangaphandle kwegumbi, ekurhaneleka ukuba zenziwe ngokunyibilikisa ezi ntambo zibiweyo,” utshilo uSekgotodi.

UMogiba wabanjwa wabekwa ityala lokufunyanwa nezinto ekurhaneleka ukuba zibiwe, iintambo zakwaEskom.

Uvele phambi kweNkundla kaMantyi eCalcutta ngoMvulo, kwaye ityala lakhe lahlehliselwa uLwesine ukuze afake isicelo sebheyile. Emva koko wakhululwa ngebheyile yinkundla.

Eli bali liqale lavela kwi-IOL.