Umakhulu ukhuphe abantwana wafaka iikati nezinja kwilifa elixabisa izigidi

Impahla okanye ilifa elishiywe ngumntu osisityebi linokubangela imilo phakathi kwamalungu eentsapho ukuba bekungekho myolelo ochaza ngokucacileyo ukuba ngubani ofumana ntoni.

Nangona kunjalo, xa abo babhala imiyolelo yabo ngokungqongqo beshiya ubutyebi babo kumntu ongalindelekanga, iba ziindaba ezinkulu ngakumbi.

Enye intsapho yaseTshayina yafumanisa kabuhlungu oku njengoko umakhulu osisityebi nodla umhlala phantsi kuthiwa wafaka iikati nezinja zakhe njengabaza kufumana ubutyebi bakhe ngoxa abantwana bakhe bengazukufumana nto.

Ngokutsho kweSouth China Morning Post, umakhulu osuka eShanghai, watyikitya umyolelo wakhe wokuqala kwiminyaka embalwa edlulileyo, apho wavuma ukushiyela abantwana bakhe abathathu imali nempahla.

Kodwa wayesele esitshintshile isigqibo sakhe ngokuphathelele nelifa kuba kuthiwa abantwana bakhe baye bayeka ukumtyelela nokumkhathalela ngoxa wayengaphilanga.

Kuthiwa bebengafane bamfowunele. Iikati kunye nezinja zakhe zizo kuphela ezazihleli ecaleni kwakhe.

Ngoko, wayitshintsha umyolelo wakhe, egxininisa ukuba yonke imali yakhe isetyenziselwe ukukhathalela iikati nezinja zakhe nayo nayiphi na inzala yezi zilwanyana emva kokubhubha kwakhe.

Ngokwegosa elivela kwikomkhulu laseTshayina elibhalisa imiyolelo eBeijing, ukunika yonke imali yakhe kwizilwanyana zakhe ayonto ivumelekileyo kwela lizwe.

“Nangona kunjalo, zikho ezinye iindlela zokusombulula lo mba. Umyolelo wakhe wangoku ucalanye, kwaye besiya kumcebisa ukuba atyumbe umntu amthembileyo oza kujongana nekliniki yonyango lwezilwanyana ukuqinisekisa ukuba izilwanyana zakhe zikhathalelwa ngokufanelekileyo,” litshilo eli gosa.

Lo mba uye wasasazeka kumakhasi onxibelelwano kwaye abantu bayaxoxa malunga nokuba ngubani ofanele ukufumana le mali nokuba iikati nezinja zikamakhulu osisityebi ziyifanele na le mali.

Eli bali liqale lavela kwi-IOL.