Sicela ixesha Mhlobo Wenene

Xa umamela inkqubo yezolimo kuMhlobo Wenene kusasa ngoMgqibelo ufumana inkqubo equlethe ulwazi olubalulekileyo kumafama athetha isiXhosa eMpuma Koloni.

Abavelisi benkqubo nomsasazi uSisa Maxhakana basebenza nzima ukuzisa ooGqirha, iingcali namafama aphumeleleyo. Kodwa ixesha elinikwa le nkqubo liwenza ungabinaxabiso wonke lo msebenzi, sicela ukuba xa kuzakwenziwa inguqu kwiinkqubo zoMhlobo Wenene zenziwe nakule nkqubo.

Sicela kutshintshwe usuku eyenziwa ngalo le nkqubo, inikwe usuku elizakwenza ukuba ifumane abaphulaphuli abaninzi nangaphezulu.

Olo suku lungakhangelwa kwiintsuku zaphakathi evekini, ngeenjongo zokuba amafama athathe inxaxheba ngokubanzi. Ulimo lubaluleke ngaphezu kwezinto ezininzi ezinikwa ixesha elininzi kwiinkqubo zoMhlobo Wenene.

Lulimo elenza ukuba abantu bavuke batye kusasa, emini nasebusuku, ikwalilo elincedisa iintsapho ukuba zikwazi ukuzenzela imali ngeemveli zazo. Xa ukhangela iingxaki ezijongene nehlabathi nelizwe loMzantsi Afrika, ulimo sisisombululo esinika umntu ngamnye inkululeko yokuzimela.

Ilizwe loMzantsi Afrika lijongene nengxaki yokunqongophala kwemisebenzi, ezolimo ziphethe isisombululo kule ngxaki. Ngamafama kuphela akwazi ukufuthela isigqibo samaxabiso okutya axakileyo.

Ngoko ke le yinkqubo ebalulekileyo edinga ukuhlonitshwa nokunikwa ingqwalasela eyodwa. Sicela ixesha elaneleyo lale nkqubo, ngokuthi inikwe iiyure njengezinye iinkqubo okanye ngaphezu kweyure ukuba kunokwenzeka.

Xa uphulaphule iindwendwe ezimenywa nguSisa Maxhakana kule nkqubo uqaphela ukuba ixesha liphela abaphulaphuli besafuna ukubuza okanye undwendwe lusafuna ukuthulula ulwazi.

IMpuma Koloni inezikolo ezingaphezu kwamashumi amabini ezifundisa ezolimo, iikholeji ezintlanu ezifundisa ezolimo, kukho neeyunivesithi ezenza ezolimo.

Konke oku kufuneka kube yinxalenye yenkqubo yezolimo kuMhlobo Wenene ukuze isikhululo sikhule kwaye abo banomdla kwezolimo bakhule. Iinkampani ezisebenza ngamachiza ezolimo, izixhobo nezinye izinto zolimo kufuneka zithathe inxaxheba ngeentengiso kule nkqubo.

Amafama amnyama achitha iimali zawo ethenga iimveliso zooBayer nezinye iinkampani. Kodwa ngenxa yexesha elincinci elinikwa le nkqubo ndiqinisekile ezo nkampani azinakubona sizathu sokuthenga ixesha kwezinkqubo.

Singatsho ngaphandle kwamathandabuzo ukuba le nkqubo ibalulekile kuneenkqubo zomculo ezinikwa ixesha eliziyure ezimbini nezintathu.

Awutyiwa umculo kodwa iimveliso zolimo zityiwa imini yonke, ngoko masivuleni amehlo ngokubambisana sinike le nkqubo ebaluleke kangaka ithuba elaneleyo.

OoSaba Mbixane, Elvis Mali nabanye bayidlalile indima yabo ngokuxhobisa, ukufundisa nokukhuthaza amafama ngelixa benyamezele ukusebenza phantsi koxinzelelo lwexesha.

ULwesithathu evekini lusuku olunokufanela ukuba lusetyenziswe ukwenza le nkqubo, inikwe iyure enesiqingatha. Makuphungulwe kwezinkqubo zininzi kangaka zomculo othukayo owenza ukuba abantwana basibethe emakhaya. Enkosi.