Iinkokeli zabafundi zexesha lakudala zazisebenza nzima

Xa ukhangela iingxaki abafundi abajongana nazo kwiiyunivesithi zeli uze uzithelekise namaxesha angaphambili, ungatsho uthi babesenza umsebenzi omhle ooJJ Tabane, Zizi Kodwa nooSongezo Mjongile ngexesha labo.

La madoda ebesilwela amalungelo abafundi kwiiyunivesithi neetekhnikhoni zoMzantsi Afrika ingakumbi eNtshona Koloni, eqinisekisa ukuba abafundi bayamkelwa. Xa ukhangela namhlanje, abafundi abanabo abameli abaphuma kwimibutho yabafundi ngeenjongo zokuba bangene bafunde kula maziko.

Ngalo maxesha okukhokelwa kwabafundi ngooTabane, ooZodwa Langa nooZizi Kodwa, kwakukho iqumrhu lokunceda abafundi ngemali ekwakusithiwa yiTertiary Education Fund of South Africa (TEFSA).

Bebesebenza nzima bejikeleza kwiiyunivesithi eziquka iUniversity of the Western Cape, University of Cape Town, Peninsula Technikon neCape Technikon.

Bukho ubungqina bokuba ngenxa yeenzame zezinkokheli, akukho mfundi wayejika engangenanga eyunivesithi ephumelele ngokufanelekileyo kwibanga leshumi.

Bebesilwa eli dabi ngokubamba iintlanganiso nabaphathi beziyunivesithi becengela abafundi ukuba bangene esikolweni.

Bambi kwaba bafundi bebedinga iindawo zokulala kuba besuka kumanye amaphondo, uKodwa, Tabane neqela lakhe bebesebenzela ukuba abo bafundi bafumane iindawo zokulala.

Bebeye bagqithele kwinqanaba lokuba bafumanele aba bafundi ukutya logama belindele ukuphendulwa kwezicelo zabo nguTEFSA.

Iinkokheli zabafundi bezizenzela umkhitha ngokuba zihlale ziphakathi kwabafundi, zimamela iingxaki zabo zikhangele amacebo angxamileyo. Uninzi lwabafundi abebengena kulo maziko bambalwa abebephuma bengancedakalanga.

Kule veki iinkokheli zabafundi eTshwane University of Technology, Nelson Mandela University of Technology naseNorth West University of Technology zisola abaphathi ngokusilela. Umbuzo olula ngowokuba zenze ntoni zona ezinkokheli ukuqinisekisa ukuba abaphathi benza amalungiselelo angawo.

Akukho nxibelelwano nantsebenziswano phakathi kwabafundi neenkokheli zabo, oku ukubona ukude ngenxa yendlela ezithetha ngayo ezinkokheli.

Ngexesha looKodwa nooJJ Tabane, iinkampani ezifana noMetrorail eKapa bezizifumana zisengxakini yokunyanzeleka ukuba zenze ngetarhu kubafundi abangena mali yokukhwela uloliwe.

Kaloku ezinkokheli bezithatha amanyathelo wokuba zibambe iintlanganiso nabaphathi bakwaMetrorail (Mdyantyi) bezama ukucengela abafundi.

Abaninzi ababekwiiyunivesithi zaseKapa ngalo maxesha bakumkhumbula uKodwa ngegama elalisithi Goodenough Kodwa.

Iinkokheli zabafundi maziyeke ukulala ngengubo enye nemibutho yezopolitiko, mazimele abafundi ngokunyanisekileyo. Zinkokeli zabafundi, hambani niyobamba iintlanganiso noNSFAS, uRhulumente kunye nabo bonke abachaphazelekayo ukuze abantwana bafunde.