Bikwani: Sibotshwe namaqela anobunzima

Iintshatsheli ze-ABC Motsepe League eMpuma Koloni, iTornado FC, kungona iza- kujamelana novavanyo xa isiya kwimidlalo yokulwela indawo kwiNational First Division kwisizini ezayo.

Umqeqeshi uThobela Bikwani uthi abadlali bakhe bawulungele umdlalo, kodwa uyavuma ukuba babotshwe namaqela anzima. “Iqela lime kakuhle, kwaye nemimoya iphezulu kubadlali,” utshilo uBikwane.

ITornado ibotshwe namaqela aquka iSteenberg United yaseNtshona Koloni, iKings United yaKwaZulu Natal, i-Apollo 11 yaseMpumalanga ne-Orbit College FC yaseMtla Ntshona.

Mabini amaqela azakuba sethubeni lokuba aye kwiNFD, kwaye uBikwani uqinisekile ukuba amandla abanawo angabanika indawo.

“Asizanga ukwangeza amanini kule midlalo, andikwazi ukuthekelela ukuba kuzakwenzeka ntoni kodwa ndiqinisekile ukuba sizakuyidlala indima yethu. Sifuna ukunyuka nathi siye kwiNFD,” utshilo uBikwani.

Njengomntu okhulele eKapa wadlala ibhola waze waqeqesha kwela phondo iminyaka emininzi, uBikwani uthi lithamsanqa kuye ukuba iTornado idityaniswe neSteenberg.

“Ndiyalazi ela qela ukuba linobungozi kakhulu, kodwa umqeqeshi walo ngumtu endimaziyo kakhulu. Ndikhe ndaqeqesha abadlali abasixhenxe abadlala kwela qela ngoku, ndingatsho ukuba liyincwadi evulekileyo kum.”

ITornado igaleleke ngentsasa yangoMvulo eBloemfontein ukulungiselela le midlalo nezakudlalelwa kwibala iDr Molemela.

Ngaphezulu kokwenyuselwa, iqela elithe laphumelela kule midlalo yokulwela indawo, liza- kuhamba nesixa mali esiqikelelwa kwisigidi seerandi.

Le midlalo yeyonanto izakuvavanya isakhono sokuqeqesha sikaBikwani, nofike wakwazi ukuzibonakalisa kwisizini yakhe yokuqala eMpuma Koloni.

chris.gilili@inl.co.za