Buckley: UTau kufanele ayokudlala phesheya

Umdlali weMamelodi Sundowns uPercy Tau

“Alikho elinye ixesha elifanelekileyo ukodlula eli, uPercy Tau kufanele ayokudlala phesheya ngoba akukho angayenzanga ebholeni yaseMzantsi Afrika,” lawo ngamazwi egqala lebhola ekhatywayo – uDelron Buckley.

Amazwi kaBuckley alandela iingxelo ezijikelezayo ezithi iMamelodi Sundowns ayivumanga kumthengisa uTau nakubeni kubekho iqela elizimisele ukumthenga ngemali ezizigidi ezingaphaya kwamashumi amane eerandi (R44-million).

“Apha sithetha ngomdlali osezingeni eliphezulu kakhulu. Ungomnye wabadlali abadlala kwizwekazi leAfrika ibhola ngenxa yesiphiwo anaso esahlukileyo kwabanye abaninzi,” utshilo uBuckley encokola neSolezwe.

UTau ufuna ukuhamba emva kokudlala nokuphumelela amawonga amakhulu kwisizini ka2017/18 – kodwa iSundowns ithi iyakumkhulula ukuba iyoneliseka yimali ebekwa

etafileni liqela elimfunayo. Kutshanje, kuvele ingxelo ethi yiBrighton & Hove Albion yaseNgilane ebeke izigidi etafileni ezichithiweyo yiSundowns.

Lo nto ikhokelele ekucwezeni kukaTau kwinkampu yeDowns ebanjelwe eRustenburg. Isithethi seDowns, uThulani Thuswa, uxelele iMetro Sport kule veki ukuba akukho ngxabano konke konke phakathi kweDowns noTau kwaye uzixelile izizathu zokungabikho kwakhe enkampini.

UTau ngumdlali onekamva eliqaqambileyo ebholeni emva kokuzibonakalisa kwiSundowns ngethuba iphumelela iindebe ezifana neCaf Champions League, Super Cup, ezePSL nezinye.

Nangona efunwa liqela laseNgilane – kodwa ngokutsho kukaBuckley, lo mdlali ufanele ukudlalela iqela eliseItaly okanye eGermany.

“Ebeza kungena zwabha kwiSerie A. Nditsho kuba ndibona ibhola yakhona. NaseGermany, ndibona engadlala ngoba iyafana neyaseItaly,” utshilo uBuckley.