Coetzee: Sizakuzilungisa iimpazamo zethu

AmaBhokobhoko avuthululwe yiNew Zealand kumdlalo weRugby Championship kwimpelaveki edlulileyo. Umfanekiso: BackpagePix

Amabhokobhoko azikhoth’amanxeba emva kokubethelwa oogqirha nezicaka yiNew Zealand ngempelaveki edlulileyo. 

Amakhwenkwe kaCoetzee avuthululwe ngo’41-13 kwiRugby Championship e-AMI Stadium kwisixeka saseChristchurch – umqeqeshi uthi bazimisele ukuzibangula iimpazamo ezenziwe ngabadlali bakhe. 

Emva komdlalo umqeqeshi uthethe wenjenje: Silele emgceni ngendlela ephucukileyo kakhulu – kodwa emva koko siye sayivumela iNew Zealand. Kwenzeke lo nto kwakhona kwisigaba sesibini esibonakalise ububhetyebhetye kuso. 

Besidlala neNew Zealand eyaziyo into emayiyenze xa kuvela ithuba, thina senze iimpazamo kwelethu icala – umahluko ubelapho phakathi kwala maqela mabini.”

Emva kokubethwa kweqela lesizwe imidlalo emithathu ilandelelana – ngoku umqeqeshi neqela lakhe baphantsi koxinizelelo olumandla.

“Zikhona izinto ekufuneka sizilungise. Abadlali baneveki yonke phambi kokuba sihlangane kwakhona xa sizakube silungiselela imidlalo emibini ezayo,” utshilo uCoetzee.

Amabhokobhoko agalelekile eMzantsi Afrika ebusuku izolo eGoli, ngoku azakulungiselela umdlalo ophakathi kwawo ne-Australia ngomhla wokuqala kwinyanga ezayo eLoftus Verfeld Stadium.