
Umqeqeshi weBidvest Wits, uGavin Hunt, yindoda eyonwabile kufanelekile emva kokuba iqela lakhe lizibekele indawo kumdlalo wokugqibela weMTN8 Cup walo nyaka.
Eli qela laseGoli libambene ngo’0-0
Kodwa iWits iya phambili ngoba yawuphumelela ngo’3-1 umlenze wokuqala eBidvest Stadium.
UHunt uzingela indebe yokuqala njengomqeqeshi weWits emva kokuba yabethwayo iWits kumdlalo wamagqibela-kankqoyi weNedbank Cup yi-Orlando Pirates ngo’3-1 eThekwini ngo’2014.
Njengokuba iWits iye eKapa ihamba phambili ngamagowuli amathathu –
Umdlalo ububambene – kodwa ebekhona wona amathuba kakhulu okuphumelela umdlalo macala omabini. Ekugqibeleni, amakhwenkwe kaHunt aphumelele futhi akwazile nokubonisa wonke umntu olandela ibhola kweli lizwe loMzantsi Afrika ukuba angenza iziqwenga kule isizini ukuba amanye amaqela akalumkanga.
“Sikufanele ukuba kumdlalo wamagqibela kankqoyi weMTN 8 emva kokudlala kakuhle kule midlalo mibini. Qha, into endiyibonayo kukuphazamisa kwayo iMTN 8 kwimidlalo yePSL.
Yena u-Eric Tinkler, umqeqeshi weCTC, uzakujongana neqela ebefudula eliqeqesha, i-Orlando Pirates, kumdlalo ozakube use-Orlando Stadium ngomso[Lwesibini].
“Sisokole kwisiqingatha sokuqala kakhulu – kodwa abadlali baye baswabuluka kwisigaba sesibini. Akululanga ukusukela u’3-0 kodwa bazamile abadlali bethu,” utshilo uTinkler emva komdlalo.
Ngoku iWits izakuthi idlale umdlalo wokugqibela kwiMTN 8 neqela eliphumeleleyo kumdlalo ozakube uphakathi kweMamelodi Sundowns neChippa United ngoLwesithathu ngo’19:30 eLucas Moripe Stadium.
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?