Uzakuthetha nezizwe ezimanyeneyo uJeff Radebe

Umphathiswa kwi-ofisi kamongameli uJeff Radebe

UMPHATHISWA ojongene nocwangciso kwi-ofisi kamongameli uJeff Radebe uzakukhokela ingxoxo
zendibano kawonke-wonke kumbutho wezizwe ezimanyeneyo UN. 
Oku kwenzeka nanje
ngoko kumele ukuba uMzantsi Afrika ibenguwo ozakukhokela lengxoxo
kwesisihlandlo ukuze kushukuxwe imicimbi edla ihlabathi. 

Lo kaRadebe
kulindeleke ukuba ibenguye ozakuba ngusihlalo walengxoxo engethuba izakuba
iqhuba kweliya laseNew York
esenza oku egameni lorhulumente woMzantsi Afrika. Ngokwengxelo umcimbi wendlala
ebhuqa amazwe ehlabathi izakuba ngumcimbi ophambili kulengxoxo ngelizama
ukukhangela amacebo okujijisana nendlala kwihlabathi.

URadebe
uzakuxelela loonginginya yezizwe ezimanyeneyo malunga nomgama osele uhanjwe
nguMzantsi Afrika ukulwa iingxaki zendlala kweli. Kwakule nkqubo kulindeleke
ukuba iinkokheli zamazwe aseAfrika zifumane ithuba lokuxoxa banzi ngeengxaki
zeli lizwekazi kusetyenziswa lendibano. 

Lo mphathiswa kulindeleke ukuba asebenzise
elithuba ukuba acenge inkxaso yamazwe ehlabathi ukuba axhase iUnited Nations
Data Forum ezakubanjelwa eKapa ekuqaleni konyaka ozayo. 

Le ndibano yezizwe
ezimanyeneyo izakubanjwa eKapa ukusukela ngomhla weshumi elinesihlanu kwinyanga
kaJanyuwari ukuya kumhla weshumi elinesibhozo. URadebe uzakuqukumbela lengxoxo
ngokucenga amazwe ahluthayo ehlabathini ukuba atyale imali kumalinge okulwa
indlala kwilizwekazi leAfrika.