Fuba: Sifuna indebe yePSL kwiPirates!

mandla fuba

Akeva blowu nasitatshi umlandeli we-Orlando Pirates. Kule veki sifumenye inyhweba yokuthetha noMandla Fuba – ityendyana lo mfana ozalelwe eMpuma Koloni. Usixelela ngendlela awaqala ngayo ukulandela iPirates.

Pedro Mapelo: Wamkelekile kweli phephandaba. Umhlekazi lo ngubani?

Umlandeli: Ndiyabulela kakhulu. Igama ndinguMandla Fuba, ndizalwe kwilali ekuthiwa yiNdibela eMthatha – kodwa ke ngoku ndilapha eMonti.

PM: Kunjani ukuba ngumlandeli wePirates?

MF: Kumnandi kakhulu. Zininzi izinto endizifundileyo apha kwiPirates. Ukuba ngumlandeli kusinika ithuba lokudibana nabantu kwiindawo ngeendawo futhi iindlela esizibona ngayo izinto azifani nomntu olandela nje ibhola. Sifumana ithuba lokufumana ulwazi neemfundiso ngendlela eyahlukileyo yokuziphatha.

PM: Watsalwa yintoni apha kwiBhakaniya?

MF: Yeyi bhutiAndikwazi ukuyichaza ngamazwi ngoba yazenzekela into yokulandela iPirates. Liqela endilithandayo kakhulu. Ndisithso nje ezinye izinto zayo andizithandi – kodwa yona ndiyayithanda.

PM: Yintoni ebalulekileyo ngokuba yinxalenye yesebe labalandeli xa ungumlandeli webhola ekhatywayo?

MF: Kumnandi ketana kakhulu. Xa ungumlandeli uyafundiswa indlela yokuziphatha neyokunxulumana nabanye abantu.

PM: Ulindele ntoni kwiPirates kule sizini emva kwesizini edlulileyo ebimbi kakhulu?

MF: Eweizinto azisihambelanga kakuhle kwisizini ephelileyo – kodwa kule ndilindele ukuba iPirates iphumelele indebe yePSL.

PM: Ngubani oyena mdlali okukholisayo kwi-Orlando Pirates?

MF: NguTendai Ndoro. Ndiyamthanda la mdlali ngoba uyamamela xa ecetyiswa, udlala ngokuzimisela ebaleni. Omnye umdlali endikholwayo nguye ngu-Oupa Manyisa.

Iqela likaFuba: Mhlongo, Gimhar, Matlaba, Phungwayo, Nyauza, Qalinge, Rakhale, Manyisa, Ndoro, Gabuza noMorison.