Gwabeni: Ndiphethwe kakuhle kakhulu yiPlatinum Stars

UThamsanqa Gwabeni wePlatinum Stars

UThamsanqa Gwabeni – umdlali webhola ekhatywayo owazalelwa eBhayi – uthi kangangokuba onwabile kwiPlatinum Stars – akanaso nesincinci isikhalo ngendlela izinto ezimhambela ngayo.

Le ndedeba, 23, yafumana inyhweba yokukhethwa njengomnye wabadlali abakhulayo abathi banikwa ithuba lokudlala ibhola kwinqanaba eliphezulu eMzantsi Afrika.

Oku kwenzeka emva kokuhluzwa phakathi kwamakhulu abantu ababengenele uvavanyo kwiKe Yona Team – iphulo leNedbank elinika abantu abatsha ithuba lokudlala ibhola kwiPSL nakwiNFD.

Le nkqubo yokukhangelwa kwetalente kumaphondo elizwe loMzantsi Afrika, ikhokelwa ngoomanqanqa ebholeni abafana noKabo Zondo, uMike Mangena, * -Owen Da Gama noShakes Mashaba.

Yiyo lo nto uGwabeni wafika wangena zwabha kwiPlatinum Stars phantsi kwesandla somnye umanqanqa ekubumbeni italente – uCavin Johnson.

Lo mfana waseBhayi usalibulela kakhulu ithuba awalifumanayo kwaye sele enze inkqubela ebonakalayo kwiDikwena emva kokudlala imidlalo yePSL eliqela neyeCaf Confederations Cup into angazange waphupha ngayo esakhula kwizitalato zelokishi yaseMotherwell.

“Ubom bam abusafani nakuqala. Ndingomnye wabantu ababengazi ukuba bangafikelela njani kule ndawo ndikuyo namhlanje – kodwa ngenxa yeNedbank, izinto zakhawuleza kakhulu. Kuthatha ixesha ukuze izinto zilunge,” uvale ngalo mazwi uGwabeni.

Nangona esoneliseka kule ndawo akuyo ngoku uGwabeni – kodwa uxelele eli phephandaba ukuba yena ufuna ukudlala phesheya kule minyaka izayo.

“Emva kweminyaka emibini ndifuna ukuya phesheya. Ndiyayisebenzela lo nto futhi ndiyathemba iza kwenzeka. Indiphethe kakuhle iPlatinum ngoba indiphe ithuba lokudlala. Indiphethe njengomntwana, apha silusapho. Umqeqeshi uyandinceda kakhulu kwaye ngomnye wabaqeqeshi abakhulu eMzantsi Afrika,” utshilo uGwabeni.