IBanyana Banyana ijonge ukuya kwindebe yeAfrika

URefiloe Jane woMzantsi Afrika UMFANEKISO: Sydney Mahlangu/BackpagePix

Umqeqeshi weBanyana Banyana ubachaze njengamaqhawe abadlali bakhe emva kokuba bephumelele indebe yeCosafa ityeli lesibini ngokulandelelana.

UDesiree Ellis ukuthethe oku emva kokuba uMzantsi Afrika ubethe ilizwe laseCameroon ngo’2-1 kumdlalo wokugqibela weCosafa obubanjelwe eWolfson Stadium, eBhayi, ngoMgqibelo odlulileyo.

Amagowuli omdlalo afakwe nguRefiloe Jane laze eleCameroon lafakwa nguGeneviece Ngo Mbeleck.

Umqeqeshi weBanyana uthi eyona njongo ebiphambili kubo phambi kweCosafa ibikukulungiselela imidlalo yeAFCON – ekwakuthi kuhluzwe kuyo amazwe aza kuya kwindebe yehlabathi ekunyaka ozayo eFrance.

Nakubeni uMzantsi Afrika uyiphumelele izihlandlo ezihlanu iCosafa – kodwa okunomonwabisa uEllis kukuba ukwazile ukuyikhusela emva kokuyiphumelela kunyaka ophelileyo phambi kokuchongwa kwakhe njengomqeqeshi oyintloko kwiBanyana Banyana.

Ukuze umnqweno weqela loMzantsi Afrika wokuya kwindebe yehlabathi ufezekiswe – kufuneka ulwele okungenani indawo yesithathu kwiAFCON.

Ephawula ngomdlalo wokugqibela weCosafa, uDesiree Ellis, uthethe wenjenje:

“Besisazi ukuba kuza kuba nzima ukudlala neCameroon ngoba liqela elomeleleyo kakhulu.

Kodwa lo nto isinyanzele ukuba sikhuphe onke amandla wethu ngoba le ibikwayindlela esilungiselela ngayo iAFCON.

Nangona sifumene impumelelo – kodwa zininzi izinto ezisafuna ukulungiswa. Enye yezinto ezibalulekileyo kukuqinisa indlela iqela elifaka ngayo amagowuli.”

Kwitumente yeCosafa, uLinda Motlhalo ufake amagowuli amane eyedwa, uKhanya Xesi ubuye namathathu waze uJane noJermaine Seoposenwe bafumene amabini umntu emnye.

“Siza kusebenza kuzo zonke iindawo ezibalulekileyo xa siqhubela phambili namalungiselelo – kodwa eyona ngxaki ngoku kukungawasebenzisi ngokupheleleyo amathuba,” utshilo uEllis.

Umqeqeshi weBanyana Banyana ubulele abaququzeleli beCosafa ngokumema amazwe afana neCameroon ne-Uganda kulo nyaka.