Ibiyimvula yamagowuli eLoftus Versfeld Stadium!

Tiyani Mabunda of Mamelodi Sundowns celebrates a goal with teammates during the Absa Premiership 2017/18 football match between Mamelodi Sundowns and Bloemfontein Celtic at Loftus Stadium, Pretoria on 16 December 2017 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Amasandawana
anike abalandeli bawo iKrismesi emuncis’iintupha emva  kokuphumelela ngeyona ndlala incomekayo.
IMamelodi Sundowns ibhulele amasaka iBloemfontein Celtic ngemvula yamagowuli
amane kwelinye jwi (4-1) kumdlalo we-Absa Premier Soccer League obudlalela
eLoftus Versfeld Stadium ngale njikalanga yanamhlanje. Unozinti weCeltic
ebequqa ebuyelela emva kwakhe eyolanda ibhola emnatheni kwade kwakane. Amagowuli
weDowns afakwe ziziququ zodwa eziquka uThokozani Sekotlong, uPercy Tau, uTiyani
Mabunda noThemba Zwane. Emva kwale mpumelelo, amakhwenkwe kaPitso Mosimane athe
ngcu phezulu kwiPSL ngamanqaku angamashumi amabini anesibhozo nangona
esenemidlalo esandleni.

Nangona kungabangakho
qela likwazileyo ukubhalisa ebhodini kwisiqingatha sokuqala somdlalo – kodwa umdlalo
wona ubukwizinga eliphezulu. IDowns iwulawule kwasekuqaleni umdlalo; into
engakwazanga ukuyifumana ligowuli ngenxa kaPatrick Tignyemb owenze umsebenzi
oncomekayo ezimpondweni. UTau ubenelishwa kwisiqingatha sokuqala ngethuba
ibhola yakhe entle ibetha epalini. Kanti naye uHlompho Kekana uphantse
wangcangcazelisa umnatha – ibhola yakhe inqandwe emgceni nguTignyemb. Akukho
nto ingako eyenzileyo iCeltic kwisiqingatha sokuqala ngaphandle kokuzama
ukubamba iSundowns ebekubonakala ukuba ingxamele ifaka amagowuli.

Zijikile izinto
kwisigaba sesibini. IMamelodi Sundowns ibhakuzelise umnatha kumzuzu wesibini
emva kokubuya ekhefini. Iwuphakamisile nayo iCeltic umdlalo wayo – kodwa iDowns
iye yagalela amanye amathathu kulo mdlalo. Ngokwenza njalo, iSundowns iqokelele
amanqaku amathandathu kwimidlalo yayo emibini kule veki. URonald Pfumbidzai
ifake igowuli leSiwelele lokubika ekhaya edlale ngaphandle komqeqeshi wayo
onqunyanyisiweyo kumdlalo wanamhlanje. Umdlali okhethwe njengomdlali othe
waqaqamba kulo mdlalo nguPercy Tau – ongenelanga ukufaka igowuli, kodwa
oncedisileyo ekudaleni amanye amagowuli weDowns namhlanje….

Mamelodi Sundowns: Onyango, Hachi, Arendse, Morena, Madisha,
Manyisa, Kekana, Mabunda, Sekotlong, Zwane, Tau.

Amalalela: Mweene,
Ngcongca, Nthethe, Zakri, Zwane, Lebese, Ngele.

Bloemfontein Celtic: Tignyemb,
Pfumbidzai, Rikhotso, Ndengane, Letsoalo, Lubisi, Motshegwa, Baloyi, Hotto,
Mabena, Phalane

Amalalela: Chaine,
Jembula, Mabasa, Mashikinya, Nyundu, Maruping, Mahlasela.