IBizana Pondo Chiefs imkhombe emnyango uDube, yaqesha uClinton Larsen!

UClinton Larsen ngumqeqeshi omtsha weBizana Pondo Chiefs edlala kwiGladAfrica Championship. ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Emva kweeveki nje ezimbalwa iBizana Pondo Chiefs yaqesha uJulius Dube, namhlanje igqibe kwelokuba imkhombe emnyango. Indawo yakhe ithathwe ngumqeqeshi owaziwayo kwiPSL, uClinton Larsen ngokusesikweni namhlanje. UDube, owafika walisekela mqeqeshi ekuqaleni konyaka, ungene endaweni kaTshepo Motsoeneng, ogxothwe ekuqaleni kwale nyanga ngenxa yokuqaba kweziphumo ezincumisayo.

Ukusukela oko yanyuselwa kwiGladAfrica Championship, iPondo Chiefs iyaqhothoza kwicala lokufumana iziphumo ezihle. Lo nto ibangele ihlale endaweni embi kakhulu kwiGladAfrica. Yiyo lo nto namhlanje sele iqeshe abaqeqeshi abathathu – ngaphezulu kwawo onke amaqela adlala kwinqanaba eliphezulu.

Ngempelaveki egqithileyo, iPondo Chiefs ibethwe yiRoyal AM ngo’2-0 eKing Zwelithini Stadium. Phambi koko iChiefs ibibethwe yiSekhukhune United ngo’1-0 nangona ibikhe yabambana ngo’1-1 neJDR Stars komnye umdlalo. Eyona nto iphambili kuClinton Larsen ekufuneka ayenze kukuncothula iPondo Chiefs kwindawo ekuyo phambi kokusongwa kwesizini.

Angayenza lo nto ngoba ungumqeqeshi onamava, oqheleneyo neengxaki ebholeni futhi ngoba iqela lakhe elitsha alikudanga kwamanye amaqela asentla kwalo. Emidlalweni elishumi elinesihlanu, iChiefs iqokelele ishumi elinesithathu lamanqaku emva kokuphumelela imidlalo emithathu kuphela.