iBlue Bulls ziingangalala zeCurrie Cup emva kokoyisa iSharks

Nangona umdlalo uthathe ikhulu lemizuzu ukuze kubekho eliphumelelayo – kodwa kugqibele iBlue Bulls izizo iingangalala zeCurrie Cup. Itrayi eqatyeliswe ngu-Arno Botha emzuzwini wokugqibela, yiyo incede iBulls ebethe iNatal Sharks ngo’26-19 emdlalweni weCurrie Cup obubambene eLoftus Versfeld emalanga namhlanje. E

zinye zezinto eziqaphelekileyo nengeziwuguqule umdlalo ziquka ukuphoswa kwamapenela ngamadoda afana noMorne Steyn nosompempe okhethe ukungaphisi ngepenela kufanelekile. Njengoko bekulindelekile, iqela laKwaZulu-Natal lizijule zibekwa emdlalweni ngoba into ebibethelelwe ezingqondweni zabadlali ibinye: kukuphumelela umdlalo. Iqela ebelidlalela ekhaya, iBlue Bulls, ibihamba phambili ngo’9-6 ekupheleni kwesiqingatha sokuqala somdlalo.

Izinto ziye zanomahluko kwesesibini isigaba somdlalo. Abadlali bombhoxo abaziwayo abafana noJaden Hendrikse no-Aphelele Fasi benze intshukumo eye yakhokelela ekulaleni emgceni kukaSbu Nkosi odlule kuCornal Hendricks. Ithemba lokuphumelela kweSharks belilikhulu ngethuba ihamba phambili ngo’19-9.

Kodwa ukungancami kweBlue Bulls kuncedile ngoba ikwazile ukubuyela emdlalweni iye yawuphumelela ekugqibeleni. Ayiphumelelanga iNatal-Sharks ngenxa yamathuba angasetyenziswanga nguBosch – othathe izigqibo ezingachangekanga emdlalweni.

Emva kokusebenza kakuhle kwitumente yembhoxo eyaziwayo, iCurrie Cup, edlalwe ngexesha elibi ilizwe lixikixwa yikhorona, amaqela omabini akwenzile konke okusemandleni wawo. Amakhwenkwe kaJake White ziintshatsheli zeCurrie Cup zika-2021.

POINTS-SCORERS

Bulls 26 – iiTrayi: Arno Botha (2). Conversions: Morné Steyn (1), Chris Smith (1). Penalties: Steyn (3), Smith (1).

Sharks 19 – Iitrayi: Sbu Nkosi. Conversion: Curwin Bosch (1). Penalties: Bosch (4).

-IOL Sport