IBurkina Faso igoduke neBronze kwi-2017 AFCON

Ifumene iBronze kwi-2017 Afcon iBurkina Faso emva kokubetha iGhana ngo'1-0. Umfanekiso: BackpagePix

Ilizwe laseBurkina Faso ligoduke nembasa yeBronze emva kokuba libambe indawo yesithathu kweyona tumente inkulu kwizwekazi le Afrika. Ibhola entle efakwe ngu-Alian Traore ayikhabe engaphaya komhlaba kanozinti kwicala lasekunene inike iBurkina Faso impumelelo ka’1-0 ngomzuzu wokugqibela emdlalweni obubambene ngeyona ndlela eStade de Port-Gentil ebusuku izolo. Eli lizwe lizibethele iGhana eyagqibela ukuthatha indebe ye-Afrika ngo’1982.

Izixhiliphothi zeBurkina Faso eziquka u-Aristide Bance, okhe wadlalela iChippa United kweli lizwe loMzantsi Afrika, ziye kule midlalo zingekho phakathi kwamazwe abalwayo njenganobungozi okanye anokwenza into ebonakalayo – kodwa kule tumente ka’2017 – wonke ubani uyavuma ukuba eli lizwe lelinye lamazwe anobungozi ebholeni ekhatywayo.

Image may contain: 2 people, people playing sports, stadium and outdoor

Isiqingatha sokuqala siphele kungekho nto ebhodini macala omabini. Umdlalo wona ububambene kakhulu ngoba bekungekho cala lifuna ukuvula nanjengoko omabini la mazwe ebegxeshe impumelelo kulo mdlalo. Amathuba wokufaka amagowuli ebebane esithi ntalu ntalu okwamaqam omqombothi oqal’ubila – kodwa akubangakho lizwe elide lawasebenzisa.

Kodwa kuyo yonke into ebisenzeka, wona umdlalo ubukwizinga eliphezulu. Umqeqeshi weGhana, u-Avram Grant, ufake u-Andrew Ayew no-Asamoah Gyan – abona badlali banefuthe kwela lizwe kwisigaba sesibini somdlalo – kodwa ubukho babo khange buyincede iGhana ebifakwe ekoneni yiBurkina Faso.

Image may contain: one or more people, people playing sports and outdoor

Ngokuqinisekileyo injongo yakhe (uGrant) ibikukufumana igowuli bediniwe abadlali beBurkina Faso – ngelishwa akubanga njalo. Umnqweno kaGrant wokuphumelela umdlalo wakhe wokugqibela njengomqeqeshi weGhana awufezekiswanga. IGhana ibambe indawo yesine kwi-2017 Afcon.