Ibuye ijingxela iPirates ebethwe liqela laseZambia

Wayne Sandilands of Orlando Pirates during the Absa Premiership 2018/19 match between Orlando Pirates and Mamelodi Sundowns at the Orlando Stadium, Soweto on the 01 April 2019 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Ibuye ijingxela
i-Orlando Pirates emva kokubethwa yiGreen Eagles yaseZambia emdlalweni weCaf
Champions League wokugabula izigcawu obubanjelwe eNkoloma Stadium emalanga
namhlanje. EzikaMagebhula eziye eZambia zinethemba lokuqala imidlalo yezwekazi
le-Afrika kakuhle, zibuye ziphoxekile kwaye zidlale umdlalo wokuqala ngaphandle
komdlali wazo oyingozi – uThembinkosi Lorch. Nangona izinto zingayihambelanga
kakuhle iPirates – kodwa yiyo eqale umdlalo inamandla futhi ikwayeyona ebekubonakala
ngathi ingawubhakuzelisa umnatha kuqala. UWayne Sandilans uvale amanzi engena
endlini xeshikweni evala ibhola ebikhatywe nguHosea Silwimba emzuzwini
wamashimi amabini ananye. Uzamile naye ukunkqonkqoza uSamson Chilupe – kodwa ibhola
ifike eyilindile uSandilands ezipalini.

Kuyiwe kwixesha
lokuphumla iyinkwa nenkwa. USpencer Sautu uyibeke endaweni entle iGreen Eagles
ngegowuli alifake emzuzwini wesibini kwisigaba sesibini somdlalo. Iifolosi zikaMilutin
Sredojevic, uJustin Shonga no-Augustine Mulenga, zizamile ukwenza izinto
eziqhele ukuzenza – kodwa uSebastian Mwanga khange avume tu ezipalini. Ngoku uxinizelelo
luphezu kwe-Orlando Pirates njengokuba kuphele umdlalo wokuqala ibethiwe. Umdlalo
wesibini phakathi kweGreen Eagles nePirates uya kudlalwa ngomhla wamashumi amabini
anesine kule nyanga e-Orlando Stadium. NgoLwesithathu, iPirates iza kuzama
ukulungisa ukuhlala xa idibana neSuperSport United emdlalweni wePSL oza kube
useLucas Moripe Stadium. — ANA