IChippa United itywatyushwe kakubi e-Athlone Stadium

Bhongolethu Jayiya of Cape Town City FC scores his hattrick goal goal during the Absa Premiership 2016/17 football match between Cape Town City FC and Chippa United at Athlone Stadium, Cape Town on 3 April 2017 ©Chris Ricco/BackpagePix

Amagowuli amathathu afakwe nguBhongolwethu Jayiya noThamsanqa Mkhize ngawo aqinisekise ukuba iCape Town City ifumana amanqaku apheleleyo kobu busuku ngethuba ibetha kanobom iChippa United ngo’4-1 kumdlalo we-Absa Premier Soccer league obubanjelwe e-Athlone Stadium. Amathemba weChilli Boys okubuya nempumelelo kulo mdlalo atshabalele emva kokufakwa kwamagowuli amane kungapheli nesiqingatha sokuqala. Ibuyele kwindawo yokuqala iCape Town City kwiPSL mva kokuzuza impumelelo ebalulekileyo namhlanje – kodwa yona iChippa United kunyanzeleka ngoku ukuba inyuse umxakatho kwimidlalo ezayo ngoba umsantsa phakathi kwayo namaqela alwela ukusinda ezembeni uyacutheka ngokuhamba kwemidlalo.

Kuyiwe kwixesha lokuphumla iChippa United ihamba emva ngamagowuli amane kwinto engekhoyo. UBhongolwethu Jayiya kakubi ngomzuzu wesithandathu iChippa United emva. Emva koko ulandelise ngamagowuli amabini futhi ngenxa yabadlali beChippa ebebengathi balahlekile emdlalweni kwisigaba sokuqala. Igowuli lesine lifakwe nguThamsanqa Mkhize phambi kokuba kuyiwe kwixesha lokuphumla. Indlela ebuwucwangcise ngayo lo mdlali iCape Town City ibicacile kwaye ibikukufaka amagowuli qha.

Ngalo magowuli atheze amandla wabadlali beChippa ngoba khange bakwazi ukuzinza emdlalweni. UJajiya noLebogang Manyama bebehlasela emaphikweni omabini ngesantya esiphezulu. Kuye kwanyanzeleka ukuba kweenziwe iinguqu kwisiqingatha sokuqala kulo mdlalo ngenxa yezizathu ezahlukeneyo. IiCitizens zikhuphe uMpho Matsi ngenxa yokwenzakala, indawo yakhe ithathwe nguGiven Mashikinya. Kwelinye icala uDan Malesela [umqeqeshi weChippa United] yena ukhuphe uSello Jafta, waze wafaka uRhulani Manzini endaweni yakhe. Injongo yolu tshintso ibikukuzama ukuqinisa iinzame zeChippa xa ihlasela iCity.

UManzini, ongene endaweni kaJata kwisigaba sokuqala, ubhalise igowuli lobika leChippa emva kokubhutyuza kwabadlali beCity emhlabeni kanozinti. Kwisigaba sesibini umdlalo weChippa uye waphucuka – kodwa ibingayekanga nayo ukukhangela iCity. UManyama uye wakhutshwa ekuzeni kuphela komdlalo engacholanga naphantsi kwelakhe icala. Njengokuba iCity iphakathi kwamaqela amane alwela ukuphumelela indebe yePSL, iqhubela phambili ngokuwa nqoloba amaqela ngoba idlalela ukuphumelela umdlalo, enye into iza mva kuyo. Kuyanyanzeleka ukuba iChippa United ibhinqe omfutshane ngoba amaqela abaleka izembe afuthela emaagxeni wayo ngoku.