Idabi leChiefs neDowns libuyela etshatshalazeni!

Kugquba umoya omhle phakathi kwabalandeli bebhola ekhatywayo emva kokuba kuthiwe angabuyela kwakhona emabaleni amaqela ebhola ekhatywayo emva kweenyanga ezintathu ingasadlalwa.

Esi sibhengezo senziwe nguMphathiswa weZemidlalo kuzwelonke, uMnu. Nathi Mthethwa, izolo emva kokoneliseka ngamalungiselelo enziwe yiPSL.

Imidlalo yanqunyanyiswa phakathi kwinyanga yoKwindla kulo nyaka ngenxa yekhorona ebhokodisa amazwe ehlabathi emva kokosulela abantu abangaphaya kwezigidi ezilithoba kwihlabathi lonke.

“Izicwangciso zePSL, emva kokubisebenzisana namagosa weSafa neengcali zempilo, ziye zamkelwe emva kokuqwalasela iindlela zokhuseleko eziza kulwa ukosuleleka kwabantu ngeKhovithi-19. Abasemagunyeni kwisebe lezempilo baziphicothile zonke izinto ezithiwe thaca etafileni yiPSL phambi kokuvuma. Lo nto inika amaqela ilungelo lokuqala ukuzilolonga noba kunamhlanje,” itshilo ingxelo ekhutshwe lisebe leZemidlalo izolo.

Yonke lo nto ithetha ukuthi idabi eliphakathi kweKaizer Chiefs neMamelodi Sundowns ngokuphumelela indebe ye-Absa Premiership libuyela etshatshalazeni kwakhona.

Amakhosi athe ngcu kwindawo yokuqala emva kokuqokelela amanqaku angamashumi amane anesibhozo emidlalweni engamashumi amabini anesibini.

Ezithendeni zawo kukho iSundowns efuna ukukhusela indebe yayo eyiphumelele kunyaka ophelileyo. Yona iDowns ishiywa ngamanqaku amane – isenomdlalo engekawudlali.

Elinye idabi elinzima liphakathi kwamaqela asemva. Nangona iChippa United iphezulwana ngamanqaku – kodwa kusafuneka isebenze ngamandla ukuze isinde ezembeni.

Kwayekwa imidlalo AmaZulu ezimisele ukulwela indawo yawo. ILimpopo isecicini lokulahlekelwa liqela okanye amabini ngoba iBaroka, iPolokwane neLeopards ziphakathi kwamaqela abaleka izembe emsileni.

Nangona imidlalo yePSL ingadlalwa, umhla wokuqala imidlalo ngokusesikweni awukabhengezwa.